AMAZWE NABANTU
Ukutyelela ENew Zealand
MHLAWUMBI kwakumalunga neminyaka eyi-800 eyadlulayo xa uhlanga lwamaMaori lwahamba umgama omde ngolwandle lusiya kuhlala eNew Zealand. Xa lufika apho, lwafumanisa ukuba loo mhlaba wahluke mpela kwiziqithi ezithandwa yimvula zasePolynesia olwalusuka kuzo. Wawuzaliswe ziintaba ezinomkhenkce ongqindilili, amanzi ashushu kunye nekhephu. Emva kweminyaka eyi-400 lulapho, kwafika olunye uhlanga oluvela eYurophu. Namhlanje abantu abaninzi baseNew Zealand baphila ngendlela yakudala awayephila ngayo ama-Anglo-Saxon nabantu basePolynesia. Abona baninzi bahlala edolophini. Ikomkhulu lalapha, iWellington, yeyona dolophu ikumazantsi ehlabathi.
Nakubeni iNew Zealand iyindawo emi yodwa ehlabathini, nyaka ngamnye kufika abakhenkethi abamalunga neemiliyoni ezintathu ngenxa yezinto ezahlukahlukeneyo ezintle ezilapho.
Eli lelona lizwe lineentlobo ezingaqhelekanga nezahlukahlukeneyo zezilwanyana kunye neentaka ezingakwaziyo ukubhabha. Kukho nezirhubuluzi ezifana nolovane ekuthiwa ziituatara, ezinokuphila iminyaka eyi-100, iintlobo ezahlukeneyo zamalulwane nezilwanyana ezinkulu zaselwandle, njengeminenga needolfini.
Yiminyaka ephantse ibe yi-120 ekho amaNgqina KaYehova kweli lizwe. Afundisa iBhayibhile ngeelwimi eziyi-19, ekukho kuzo iilwimi zasePolynesia, isiNiue, isiRarotonga, isiSamoa, nesiTonga.