UVUKANI! No. 1 2022
Njengoko iimeko zehlabathi zisiya zisiba mbi, abaninzi kuthi bajongene nemiphumo emibi ebangelwa ziintlekele zendalo neengxaki ezenziwe ngabantu. Funda ngendlela wena nabantu obathandayo eninokuzikhusela ngayo.
Ihlabathi Eligcwele Ububi—Unokumelana Njani Nalo?
Xa unengxaki, kubalulekile ukuba wenze okuthile ukuze ukhusele wena nentsapho yakho.
1 | Khusela Impilo Yakho
Xa ukhusela impilo yakho, ungakwazi ukumelana nestres.
2 | Khusela Imali Yakho Nezinto Onazo
Ukuba uyisebenzisa kakuhle imali, uza kukwazi ukuzilungiselela xa kuvela ingxaki.
3 | Khusela Ubuhlobo Onabo Nabantu Obathandayo
Cinga ngamacebiso anokukunceda ukhusele umtshato wakho, ubuhlobo bakho nabanye abantu nobuhlobo nabantwana bakho.
4 | Khusela Ithemba Onalo
IBhayibhile isinceda simelane neengxaki zobomi kwaye isinika namathemba exesha elizayo.
Kulo Vukani!
Funda amanqaku anokunceda wena nentsapho yakho nimelane nezinto ezimbi ezichaphazela abantu.