NGABA UMHLABA UNOKUKWAZI UKUSINDA?
Iilwandle
IILWANDLE azisiniki ukutya esikutyayo qha kodwa zisinika nezinto zokwenza amayeza. Iilwandle zenza ngaphezu kwehafu yeoxygen edingeka emhlabeni wonke, ibe zifunxa icarbon ephuma kwizinto ezenziwa ngabantu. Ukongezelela koko, iilwandle zenza imozulu izinze.
Iilwandle Zisengxakini
Ukutshintsha kwemozulu kuyingozi kwizityalo zaselwandle, iimbaza, nakwizilwanyana ezihlala elwandle. Oososayensi baqikelela ukuba phantse zonke ezi zityalo—ezinceda phantse ikota yezilwanyana zaselwandle ukuba ziphile—zisenokuphela zingabikho kule minyaka iyi-30 izayo.
Iingcali ziqikelela ukuba iintaka zaselwandle ekusenokwenzeka ukuba ziye zatya iiplastiki zinokufikelela ku-90 pesenti, ibe kucingwa ukuba iimiliyoni zezilwanyana zaselwandle ezifayo nyaka ngamnye zibulawa zezi plastiki.
Unobhala-jikelele Wezizwe Ezimanyeneyo uAntónio Guterres uye wathi ngo-2022, “khange siluhoye tu ulwandle, ibe ngenxa yaloo nto sisengxakini enkulu ngoku.”
Umhlaba Wethu—Udalelwe Ukuba Ukwazi Ukuzilungisa
Iilwandle nezinto eziphila kulo zidalwe ngendlela yokuba zikwazi ukuziklina xa kungekho zinto zimdaka abangcolise ngazo abantu. Incwadi ethi Regeneration: Ending the Climate Crisis in One Generation ithi xa icacisa, xa inxalenye yolwandle iye yakhuselwa ekungcolisweni ngabantu, “ulwandle ngokwalo luye lukwazi ukuziklina lungakhange luphazanyiswe.” Khawucinge ngale mizekelo:
-
Izityalo ezincinci ezisemanzini ekuthiwa yiphytoplankton zifunxa zise zigcine icarbon dioxide—ekukholelwa ukuba yeyona nto ibangela ukuba imozulu itshintshe ngokungaqhelekanga. Le phytoplankton iyodwa iyakwazi ukugcina icarbon dioxide ephantse ilingane naleyo igcinwa yiyo yonke imithi, ingca nezinye izityalo ezilapha emhlabeni.
-
Kukho iintsholongwane ezincinci ezitya iintlanzi ezifileyo, ukuba bezingazityi ezi ntlanzi beluza kungcola ulwandle. Ezi ntsholongwane nazo ziye zibe kukutya nakwezinye izilwanyana zaselwandle. ISmithsonian Institution Ocean Portal sithi “lento igcina amanzi olwandle ecocekile.”
-
Izilwanyana ezininzi zaselwandle ziyawaginya amanzi aselwandle ane-acid— zize ziwakhuphe engena-acid futhi engeyongozi—kwiintyatyambo zaselwandle, kwiimbaza, kunye nezinye izilwanyana.
Iinzame Ezenziwe Ngabantu
Xa izinto ezimdaka zingafiki elwandle akukho mfuneko yokuba luklinwe. Yiloo nto iingcali zikhuthaza abantu ukuba bazisebenzise kaninzi iibhegi, kunye nezinto ezingenziwanga ngaplastiki endaweni yokusebenzisa izinto ezenziwe ngeplastiki kube kanye baze bazilahle.
Kodwa asimelanga siphelele apho nje qha. Kutshanje, ngonyaka nje omnye, iqela labantu abajongene nezinto zendalo liye laqokelela izinto ezimdaka eziye zakhutshwa lulwandle ezingangeetoni eziyi-9200 kumazwe ayi-112. Kodwa ke, eli lisuntswana nje elincinci lobumdaka olufumaneka elwandle nyaka ngamnye.
Ingxelo yeNational Geographic ithi “indlela eninzi ngayo iacid eselwandle akhonto inokuphinda yenziwe ngayo ngoku.” Xa abantu betshisa kakhulu amalahle, iioyile nezinye izinto zendalo, lonto iye ibangele ukuba izilwanyana zase lwandle zingakwazi ukuliklina ulwandle ngendlela ezidalelwe ukuba zilikline ngayo.”
Izizathu Zokuba Nethemba—Ithini IBhayibhile?
“Umhlaba ugcwele zizinto ozidalileyo. Udale ulwandle, olukhulu nolubanzi, lunyakazela izinto eziphilayo, ezincinci nezinkulu.”—INdumiso 104:24, 25.
Umdali wethu udale ulwandle ukuba lukwazi ukuziklina. Ekubeni umdali edale iilwandle nezinto eziphila kulo, kusengqiqweni ukukholelwa ukuba unawo amandla okulungisa umonakala owenziwe kulo. Jonga inqaku elithi “Isithembiso SikaThixo Sokuba Ukungcoliswa Komhlaba Kuza Kuphela,” elikwiphepha 15.