Ukondla Abaninzi Ngezandla Zabambalwa
“Akuba eziqhekezile izonka, [uYesu] wazabela abafundi, abafundi bona bazabela izihlwele.”
1-3. Chaza indlela uYesu awasondla ngayo isihlwele esikhulu esasingqendeve kufuphi neBhethesayida. (Bona umfanekiso osekuqaleni.)
KHAWUBE nalo mfanekiso. (Funda uMateyu 14:
2 Esakubona ezo zihlwele, uYesu uyazisizela, aze ke aphilise abagulayo abafundise izinto ezininzi ngoBukumkani bukaThixo. Kuthi kwakuhlwa, abafundi bacele uYesu ukuba andulule izihlwele ukuze zikwazi ukuya kwiidolophana ezikufuphi zize zizithengele ukutya. Esabela uYesu uthi kubo: “Zinikeni nina into yokudla.” Amazwi akhe amele abamangalise, kuba ukutya abanako kuncinane gqitha
3 Ezisizela, uYesu wenza ummangaliso
4. (a) Luluphi olona hlobo lokutya wayeluxhalabele ngakumbi uYesu, yaye ngoba? (b) Yintoni esiza kuxubusha ngayo kweli nqaku nelilandelayo?
4 Eyona nto wayeyixhalabele nangakumbi uYesu kukondla abalandeli bakhe ngokutya kokomoya. Wayesazi ukuba ukutya kokomoya, inyaniso efumaneka kwiLizwi likaThixo kukhokelela kubomi obungunaphakade. (Yoh. 6:
UYESU UKHETHA ABAMBALWA
5, 6. (a) Sisiphi isigqibo esibalulekileyo uYesu awasenzayo eqinisekisa ukuba abalandeli bakhe bayondliwa ngokomoya nasemva kokuba efile? (b) Yintoni awayenzayo uYesu ukuxhobisa abapostile bakhe ukuze bakwazi ukusingatha iimbopheleleko emva kokufa kwakhe?
5 Intloko-ntsapho enenkathalo iyawenza amalungiselelo okunyamekela intsapho yayo xa inokufa. Ngokufanayo ke, noYesu
6 Emva kokuthandaza ubusuku bonke, uYesu ubizela kuye abafundi bakhe aze unyule phakathi kwabo abapostile abayi-12. (Luka 6:
7. UYesu wayithi thsuphe njani eyona nto yayiza kwenziwa ngabapostile bakhe?
7 Babeza kudlala yiphi indima abapostile? Njengoko kwakusondela iPentekoste ka-33, kwaye kwacaca ukuba ngabapostile abaza kuthatha ‘isigxina sobuveleli.’ (IZe. 1:
UKONDLA ABANINZI UKUSUSELA NGEPENTEKOSTE
8. Abo babesandul’ ukuguquka ngePentekoste babonisa njani ukuba balazi kakuhle ijelo elalisetyenziswa nguKristu?
8 Ukususela ngePentekoste ka-33, uKristu ovusiweyo wasebenzisa abapostile bakhe njengejelo lokondla bonke abafundi bakhe abathanjisiweyo. (Funda iZenzo 2:
9. Abapostile babonisa njani ukuba banikel’ ingqalelo ngokupheleleyo kwimbopheleleko ababenayo yokondla izimvu zikaKristu?
9 Abapostile banikel’ ingqalelo ngokupheleleyo kwimbopheleleko ababenayo yokondla izimvu zikaKristu. Ngokomzekelo, phawula indlela abawusingatha ngayo umbandela ontununtunu owavelayo nowawunokuliqhekeza elo bandla lalisandul’ ukusekwa. Okubangel’ umdla kukuba, loo mbandela wawubandakanya ukutya
10. UKristu wabasebenzisa njani abapostile namadoda amakhulu eYerusalem?
10 Ngo-49, abapostile ababesaphila babesele bencediswa ngabanye abadala abafanelekayo. (Funda iZenzo 15:
11, 12. (a) Yintoni ebonisa ukuba uYehova walisikelela ilungiselelo elalisetyenziswa nguNyana wakhe ukondla amabandla enkulungwane yokuqala? (b) Yiyiphi indlela elaliqondakala lula ngayo ijelo elalisetyenziswa nguKristu ukondla izimvu zakhe ngokomoya?
11 Ngaba uYehova walisebenzisa elo lungiselelo lalisetyenziswa nguNyana wakhe ukondla amabandla enkulungwane yokuqala? Kunjalo kanye! Siqinisekiswa yintoni? Incwadi yeZenzo isixelela oku: “Ke kaloku njengoko babehamba betyhutyha izixeko babeye banikele kwabo balapho imimiselo ukuba bayigcine leyo kwakugqitywe kuyo ngabapostile namadoda amakhulu awayeseYerusalem. Ngoko ke, eneneni, amabandla aqhubeka eqiniswa elukholweni yaye esanda ngenani imihla ngemihla.” (IZe. 16:
12 Ukuza kuthi ga ngoku siye sabona ukuba uYesu wasebenzisa indlela ethile ukondla abalandeli bakhe: Wondla abaninzi ngezandla zabambalwa. Ijelo awayelisebenzisa ukondla izimvu zakhe ngokomoya laliqondakala lula. Ngapha koko, abapostile
XA KWAKUGQUGQISE UKHULA, INGQOLOWA IMBALWA
13, 14. (a) Sisiphi isilumkiso esenziwa nguYesu ngokuphathelele uhlaselo, ibe azaliseka nini amazwi akhe? (b) Ziziphi iindlela ezimbini elaliza kuhlaselwa ngazo ibandla? (Funda umbhalo osemazantsi.)
13 UYesu wachaza ukuba ibandla lamaKristu laliza kuhlaselwa. Khumbula ukuba, kwisiprofeto somzekeliso wakhe wengqolowa nokhula, uYesu walumkisa ngelithi kuloo ntsimi yayisandul’ ukutyalwa ingqolowa (amaKristu athanjisiweyo) kwakuza kuhlwayelwa ukhula (oosinga maKristu). Wathi, la maqela omabini ayeza kuyekwa akhule kunye
14 Uwexuko lwaqalisa ukuvela kwangenkulungwane yokuqala, kodwa ingxaki yayisengabapostile abathembekileyo bakaYesu ‘ababesisithintelo,’ ekonakalisweni kwebandla nakwiimfundiso zobuxoki. (2 Tes. 2:
NGEXESHA LOKUVUNA —NGUBANI OWAYEZA KONDLA
15, 16. Ziziphi iziqhamo olwaba nazo ufundisiso lweZibhalo olwenziwa ngaBafundi BeBhayibhile, ibe nguwuphi umbuzo ophakamayo?
15 Njengokuba kwakusondela isiphelo sexesha lokukhula, abantu baya besiba nomdla ngakumbi kwinyaniso yeBhayibhile. Khumbula ukuba ngee-1870, kukho iqela elincinane labo babefuna inyaniso elaye lahlanganisana laza laseka iklasi zokufunda iBhayibhile ngokwahlukileyo kukhula
16 Ukufundisisa ngokuzimisela kwaBafundi BeBhayibhile kweza neziqhamo ezihle. Babhenca iimfundiso zobuxoki basasaza inyaniso yeBhayibhile, kwelimiweyo liphela. Umsebenzi wabo wanceda abaninzi uqinisekisa abo babelambile yaye benxanelwe inyaniso kaThixo. Ngoko ke, umbuzo obangel’ umdla ngulo: Ngaba aBafundi BeBhayibhile kwiminyaka engaphambi ko-1914 babelijelo elimiselweyo ukuze lisetyenziswe nguKristu ukondla izimvu zakhe? Nakanye. Babesekwixesha lokukhula, labe ilungiselelo lokuba kubekho ijelo lokondla ngokomoya lisaqalisa ukwakheka. Lalingekafiki ixesha lokuba ukhula loosinga maKristu lwahlulwe kwingqolowa engamaKristu okwenene.
17. Ziziphi izinto ezibalulekileyo ezaqalisa ukutyhileka ngo-1914?
17 Njengokuba siye seva kwinqaku elandulela eli, ixesha lokuvuna laqalisa ngo-1914. Ngaloo nyaka, ziliqela izinto ezibalulekileyo ezaqala ukutyhileka. UYesu wabekwa etroneni wanguKumkani ngoxa kuqalisa imihla yokugqibela. (ISityhi. 11:
18. Yintoni awathi wayeza kuyimisela uYesu, ibe nguwuphi umbuzo obalulekileyo owaphakamayo njengoko kuqhubeka imihla yokugqibela?
18 Kwisiprofeto sakhe esiphathelele ixesha lesiphelo, uYesu wachaza ukuba wayeza kumisela ijelo ukuze linikele ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’ (Mat. 24:
Isiqendu 3: Kamva, xa uYesu wondla ngokungummangaliso i-4 000 yamadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana, waphinda wakunika ‘abafundi ukutya, baza bona bakunika izihlwele.’
Isiqendu 7: Ngexesha likaPetros, onke “amatakane ezimvu” awayeza kondliwa ayenethemba lokuphila ezulwini.
Isiqendu 8: Isibakala sokuba amaKristu asandul’ ukuguquka ‘aqhubeka ezinikela emfundisweni yabapostile’ sibonisa ukuba abo bapostile babesoloko bewafundisa. Enye yezo mfundiso zabapostile yabhalwa ngokusisigxina kwiincwadi eziphefumlelweyo eziyinxalenye yeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike namhlanje.
Isiqendu 12: Ngoxa bekho nabanye abangengobapostile abaye bafumana izipho ezimangalisayo zomoya oyingcwele, kuyabonakala ukuba kwiimeko ezininzi izipho zomoya zazidluliselwa kwabanye kusetyenziswa ngqo abapostile okanye xa kukho umpostile.
Isiqendu 13: Amazwi ompostile uPawulos akwiZenzo 20:
Isiqendu 17: Funda inqaku elikule nkupho elithi, “Khangelani! Ndinani Yonke Imihla,” kwiphepha 11, isiqendu 6.