Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova Wayebafihla Kwizithunzi Zeentaba

UYehova Wayebafihla Kwizithunzi Zeentaba

ELINYE ibhinqa, lithi xa liphuma emnyango ekuseni libone ukuba kukho ipasile eliyishiyelweyo. Liyithi hlasi libhekabheke, kodwa kuthe nkcwe esitratweni. Imele ukuba ishiywe ngumntu othile ebusuku. Liyiqhaqha kancinane ukuze libone ukuba yintoni, emva koko likhawuleza libuyele ngaphakathi livale ucango. Siyaqondakala isizathu sokuba likhawuleze lingene. Kaloku, le pasile luncwadi lweBhayibhile ekungekho mthethweni ukuba nalo! Livuya, lithandazela ngaphakathi, libulela uYehova ngeso sipho.

Iziganeko ezinje zazisenzeka eJamani kwiminyaka yee-1930. Emva kokuba amaNazi ethath’ iintambo zolawulo ngo-1933, awuval’ umsebenzi wamaNgqina kaYehova phantse kulo lonke elo lizwe. URichard Rudolph osele eneminyaka engaphaya kwe-100 * uthi: “Sasiqinisekile ukuba ukuvakaliswa kwegama likaYehova akunakuze kuthintelwe yimithetho yabantu. Eyona nto yayisinceda sikwazi ukufundisisa nokushumayela yayiluncwadi lweBhayibhile. Kodwa kwakunzima ukulufumana kuba lwaluvalwe ngokusemthethweni. Sasizibuza ukuba uza kuqhubeka njani umsebenzi wokushumayela.” URichard wakhawuleza wafumanisa ukuba wayenokuba negalelo kwisicombululo saloo ngxaki ngendlela engaqhelekanga. Kwakuza kufuneka kusetyenzwe phantsi kwamathunzi eentaba.—ABagwe. 9:36.

IINDLELA EZAZISETYENZISWA

Xa unyuka ngentlambo kumlambo iElbe, (okanye iLabe) uhamba de uye kufika kwiiNtaba Ezinkulu (iiKrkonoše), ezixananaze kuloo ndawo ingumda weCzech Republic nePoland namhlanje. Nakuba ziphelela nje kumgama weemitha ezimalunga ne-1 600 ukuphakama, ezi ntaba bezisoloko zisaziwa njengeyona ndawo ibandayo kumbindi weYurophu. Phezu kwezi ntaba kufumba ikhephu elimalunga neemitha ezintathu, phantse isiqingatha sonke sonyaka. Abayithatha kancinane imozulu yalapha banokuzibhaqa sele bebhadula kwinkungu emnyama egubungela inkcochoyi yezi ntaba.

 Kangangeenkulungwane, ezi ntaba ziye zenza umda owahlula amaphondo nezikumkani ezilapho. Ekubeni kwakukade kunzima ukuhamba kwezi ntaba, abezokhuselo babengakwazi ukugada kuzo, ngoko amasela ayesebenzisa zona ukuthubelezisa izinto azibileyo. Ngeyee-1930, xa ezi ntaba zazisahlula iCzechoslovakia neJamani, amaNgqina asebenzisa ezo ndlela zazisetyenziswa ngaloo masela. Ayeza kuthubelezisa ntoni wona? Uncwadi lweBhayibhile oluvela ngaphandle. Eselula uRichard wayephakathi kwaloo maNgqina.

Abazalwana noodade abanxibe oku kwabakhenkethi basezintabeni bathwele uncwadi kwiiNtaba Ezinkulu besiya eJamani

IINGOZI “ZOKHENKETHO LWASEZINTABENI”

URichard uthi: “Ngeempela-veki, sasihamba ngamaqela abazalwana abasixhenxe nangaphezulu sinxiba okwabantu abaya kukhenketha ezintabeni. Sasihamba malunga neeyure ezintathu ngaphambi kokuba siphume eJamani, sinqumla kwezo ntaba siye kufika eŠpindlerův Mlýn”—indawo yokubethwa ngumoya emalunga neekhilomitha eziyi-16.5 xa usinge kwicala leCzech. Ayemaninzi amaJamani ahlala kuloo mmandla ngezo mini. Phakathi kwawo kwakukho umfama owavumayo ukunceda abazalwana. Iibhokisi zoncwadi lwethu zazithunyelwa ngololiwe zisuka ePrague, zize zothulwe kwidolophana ekufutshane, yena ke azilande ngenqwelo yamahashe awayedla ngokuthutha ngayo abakhenkethi. Wayezifihla kwifama yakhe aze alinde abazalwana abavela eJamani beze kuzilanda.

URichard uthi: “Ukufika kwethu kuloo fama, sasipakisha iincwadi koobhaka bethu abalungiselelwe imithwalo enzima. Ngamnye kuthi wayethwala malunga neekhilogram eziyi-50.” Ukuze bangabhaqwa, babehamba ngamathunzi obumnyama, benduluka ukutshona kwelanga baye kufika ekuseni. UErnst Wiesner, owayengumveleli wesiphaluka eJamani ngelo xesha, wathi xa echaza ezinye iindlela zokuzikhusela: “Kwakuhamba abazalwana ababini ngaphambili, baze bathi xa kukho umntu abadibana naye bakhawuleze badanyazise iithotshi zabo. Le yindlela ababelumkisa ngayo abo bazalwana bathwele iincwadi nababelandela kumgama omalunga neemitha eziyi-100 ukuze bazimele ematyholweni akufuphi de abo bazalwana babaxelele ukuba indlela ivulekile. Babesebenzisa amazwi aqondwa ngabo kuphela nawayetshintshwa rhoqo ngeveki.” Noko ke, iingozi yayingengomapolisa aseJamani kuphela.  

 URichard uthi: “Ngenye ingokuhlwa ndaphuma kade emsebenzini, ngoko ndalandela sele kukudala bemkile abanye abazalwana ababesiya eCzech. Kwakumnyama yinkungu, ibe ndandingcangcazela njengoko ndandihamba kwimvula ebandayo. Ndalahleka phakathi kwemithi, ndingayazi indlela kangangeeyure eziliqela. Babesele bebaninzi abakhenkethi abafe ngale ndlela. Ndadibana nabazalwana bam sele bebuya kwintsasa elandelayo.”

Malunga neminyaka emithathu, veki nganye eli qela labazalwana abanesibindi lalihamba kwezi ntaba. Ebusika lalihamba ngamaplanga okutyibiliza emkhenkceni. Maxa wambi la maqela abazalwana ababedla ngokufikelela kwi-20, ayekhe ahambe emini, awele umda ngezo ndledlana zaziwayo. Ukuze angakrokrelwa ayedla ngokuphelekwa ngoodade. Abanye babehamba phambili baze baphose iminqwazi yabo emoyeni xa berhanela ingozi.

Iintaba ezigutyungelwe likhephu zazisenza kube yingozi ukunqumla kwiiNtaba Ezinkulu

Yintoni eyayisenzeka emva kokuba bebuye nolo ncwadi ebusuku? Kwakukho ilungiselelo lokuba lusasazwe kwangoko. Njani? Iincwadi zazipakishwa ngathi yisepha yokuhlamba zize zisiwe kwisitishi sikaloliwe eHirschberg. Ezo pasile zazithunyelwa kwiindawo ezahlukeneyo zelo laseJamani, apho zazifika zisasazwe ngobulumko ngabazalwana njengokuba kuchaziwe ekuqaleni kweli nqaku. Kangangendlela owawucwangciswe ngayo lo msebenzi wokusasazwa koncwadi, nayiphi na into engahambi kakuhle yayinokubangela umonakalo omkhulu. Eneneni, ngenye imini izinto zahamba kakubi ngendlela engakhange icingelwe.

Ngo-1936, kwabhaqwa indawo yokothula uncwadi kufuphi neBerlin. Phakathi kwezinto ezafunyanwa apho ziipasile ezintathu ezazithunyelwe ngumntu ongaziwayo ohlala eHirschberg. Amapolisa asebenzisa uhlolisiso lwendlela yokubhala ukuze afumane ilungu lelo qela lalithubelezisa uncwadi aza alibamba. Zange kube kudala kwabanjwa nabanye abarhanelwa ababini, kuquka uRichard Rudolph. Abo bazalwana balivuma lonke elo tyala, kwaza oko kwanceda abanye bakwazi ukutyhalela phambili naloo msebenzi uyingozi wokulanda iincwadi.

OKO SIKUFUNDAYO

AmaNgqina aseJamani ayexhomekeke phantse ngokupheleleyo kolo ncwadi lweBhayibhile lwalufika ngoobhaka luthutyeleziswa kwezo Ntaba Zinkulu. Noko ke, ezo ntaba yayingekokuphela kwendlela eyayisetyenziswa. Kwada kwango-1939 kusetyenziswa nezinye iindlela ezifanayo ukuthubelezisa uncwadi kwimida yeCzechoslovakia ngoxa imikhosi yaseJamani yayisahleli apho. Nakwamanye amazwe amelene neJamani, njengeFransi, iNetherlands neSwitzerland, amaNgqina ayezibeka esichengeni ukuze ancede abazalwana bawo abatshutshiswayo bafumane uncwadi lweBhayibhile.

Kwinkoliso yethu namhlanje kulula ukufumana uncwadi kangangoko silufuna. Enoba olwakho ulufumana kwiHolo yoBukumkani okanye kwikhompyutha, ngaba ukhe ucinge ngeendlela ezisetyenziswayo ukuze ulufumane? Ewe kona, isenokungabi ziindlela ezinzima njengokunqumla kwiintaba ezinekhephu ezinzulwini zobusuku, kodwa kukho abazalwana noodade ababila besoma ukuze bancede wena ulufumane.

^ isiqe. 3 WayekwiBandla laseHirschberg eSilesia. Ngoku esi sixeko saseHirschberg sibizwa ngokuba yiJelenia Góra, kumzantsi-ntshona wePoland.