Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngubani uGogi wakwaMagogi ochazwe kwincwadi kaHezekile?

Kangangeminyaka, iincwadi zethu bezisithi uGogi wakwaMagogi nguSathana emva kokuba egxothwe ezulwini. Ngoba? Ngenxa yokuba incwadi yeSityhilelo ithi nguSathana otshotsh’ entla ekuhlaseleni abantu bakaThixo ehlabathini lonke. (ISityhilelo 12:1-17) Ngoko besisithi ke lo Gogi lelinye igama likaSathana.

Noko ke, le ngcaciso ibiye iphakamise imibuzo. Nantsi ingxaki: Xa uYehova wayethetha ngokutshatyalaliswa kukaGogi, wathi wayeza kunikela uGogi kuzo ‘zonke iintlobo zeentaka ezinamaphiko, namarhamncwa asendle abe kukudla.’ (Hezekile 39:4) Emva koko wathi: “Kuya kuthi ngaloo mini ndimnike uGogi indawo apho, indawo yokungcwaba kwaSirayeli.” (Hezekile 39:11) Kodwa inokwenzeka njani into yokuba uSathana, osisidalwa somoya esingabonakaliyo, atyiwe ziintaka nangamarhamncwa? Kunokwenzeka njani ukuba angcwatywe emhlabeni? IBhayibhile iyibeka icace into yokuba uSathana uza kuphoswa enzonzobileni iminyaka eyi-1 000. Akayi kutyiwa ziintaka okanye angcwatywe.—ISityhilelo 20:1, 2.

IBhayibhile ithi ekupheleni kweminyaka eyi-1 000, uSathana uza kukhululwa enzonzobileni, aze “aphume aye kulahlekisa iintlanga ezikwiimbombo zone zomhlaba, uGogi noMagogi, abahlanganisele emfazweni.” (ISityhilelo 20:8) Kodwa ukuba uSathana nguGogi, loo nto ithetha ukuba uza kuzikhohlisa. Ngoko ke, “uGogi” okwincwadi kaHezekile okanye kwiSityhilelo akanguye uSathana.

Ngubani ke lo Gogi wakwaMagogi? Ukuze sifumane impendulo, kufuneka sikhangele eBhayibhileni ukuba ngubani ohlasela abantu bakaThixo. IBhayibhile ithetha ngohlaselo oluvela ‘kuGogi wakwaMagogi,’ ‘kukumkani wasemntla,’ noluvela ‘kookumkani bomhlaba.’ (Hezekile 38:2, 10-13; Daniyeli 11:40, 44, 45; ISityhilelo 17:14; 19:19) Ngaba ziziganeko ezahlukeneyo ezi? Akubonakali njalo. Ingathi apha iBhayibhile isebenzisa amagama ahlukeneyo ukuchaza uhlaselo olunye. Kutheni sisitsho nje? Kuba iBhayibhile isixelela ukuba zonke iintlanga zomhlaba ziza kuba nenxaxheba kuhlaselo lokugqibela oluqalisa iArmagedon.—ISityhilelo 16:14, 16.

Xa sithelekisa zonke iivesi zeBhayibhile ezithetha ngohlaselo lokugqibela olujoliswa kubantu bakaThixo, iyacaca into yokuba uGogi wakwaMagogi akanguye uSathana. Kunoko, uGogi wakwaMagogi liqela leentlanga. Ngaba ‘ngukumkani wasemntla’ oza kukhokela eli qela? Asiqinisekanga. Kodwa le ngcaciso ihambisana noko uYehova akuthethayo ngoGogi, xa esithi: “Uya kuza uvela endaweni yakho, kweyona mimandla ithe qelele yasemntla, wena nezizwana ezininzi zikunye nawe, bonke bekhwele emahasheni, ibandla elikhulu, ewe umkhosi omkhulu wamajoni.”—Hezekile 38:6, 15.

Nomprofeti uDaniyeli, owayephila ngaxeshanye noHezekile, uthetha enjenje ngokumkani wasemntla: “Kuya kubakho iingxelo eziya kumphazamisa, eziphuma empumalanga nasemntla, aze ke anduluke enomsindo omkhulu, ahambe ebhubhisa, etshabalalisa abaninzi. Ke iintente zebhotwe lakhe uya kuzityala phakathi kolwandle olukhulu nentaba engcwele yelizwe Eliligugu; aze afikelwe sisiphelo sakhe, engenamncedi.” (Daniyeli 11:44, 45) Le nto iyafana naleyo incwadi kaHezekile ethi iza kwenziwa nguGogi.—Hezekile 38:8-12, 16.

Kuza kwenzeka ntoni emva kohlaselo lokugqibela? UDaniyeli uyasichazela: “Ngelo xesha uya kusuka eme [eArmagedon] uMikayeli [uYesu Kristu], inkosana enkulu emela oonyana babantu bakowenu [ukususela ngo-1914]. Kwaye ngokuqinisekileyo kuya kubakho ixesha lokubandezeleka [imbandezelo enkulu] ekungazange kubekho linjengalo ukususela oko lwabakhoyo uhlanga kude kube lelo xesha. Ngelo xesha ke abantu bakowenu baya kusinda, bonke abo bafunyenwe bebhaliwe encwadini.” (Daniyeli 12:1) NeSityhilelo 19:11-21 sithi uYesu uza kwenza okufanayo.

Kodwa ke ngubani “uGogi noMagogi” ekuthethwa ngabo kwiSityhilelo 20:8? Ngabo bonke abavukela uYehova nabahlasela abantu bakhe ebudeni bovavanyo lokugqibela ekupheleni kweminyaka eyi-1 000. Baya kuba nentiyo njengoGogi wakwaMagogi, iintlanga ezihlasela abantu bakaThixo ekupheleni kwembandezelo enkulu. Ibe njengeentlanga eziza kutshatyalaliswa eArmagedon, uGogi noMagogi nabo baza kutshatyalaliswa. (ISityhilelo 19:20, 21; 20:9) Ngoko, kufanelekile ukuba bonke abantu abavukelayo ekupheleni kweminyaka eyi-1 000 babizwe “uGogi noMagogi.”

Njengabantu abakukhuthaleleyo ukufunda iBhayibhile, sikujonge ngamehlo abomvu ukude sibone ukuba ngubani oza kuba ‘ngukumkani wasemntla’ kungekudala. Enoba ngubani na oza kukhokela iintlanga xa zihlasela abantu bakaThixo, zimbini izinto esiqiniseke ngazo thina: (1) UGogi wakwaMagogi nemikhosi yakhe baza koyiswa baze batshatyalaliswe. (2) UKumkani wethu, uYesu Kristu, uza kusindisa uluntu ukuze luphile kwihlabathi elitsha elinoxolo nonqabiseko lokwenene.—ISityhilelo 7:14-17.