Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Imibuzo Yabafundi . . .

Yintoni IHolo YoBukumkani?

Yintoni IHolo YoBukumkani?

IHolo yoBukumkani yindlu yenkonzo yamaNgqina kaYehova. Kukho amashumi amawaka eeHolo zoBukumkani ehlabathini jikelele. Veki nganye amabandla amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-105 000 aqhuba inkonzo kwezi holo.

KwiHolo yoBukumkani nganye kufundiswa abantu iBhayibhile. Kwinkoliso yeeholo kubakho iqonga ama kulo lowo ufundisayo. Kudla ngokubakho izitulo ezimalunga ne-100 ukuya kuma-300. IHolo yoBukumkani isenokuba namanye amagumbi okufundisa, iofisi nethala elincinane leencwadi elineencwadi zokufunda iBhayibhile ezisetyenziswa ngamalungu ebandla ukuze aphande ngeBhayibhile.

EHolweni yoBukumkani awuyi kufumana zibingelelo neminye imifanekiso edla ngokubakho ezicaweni. Kwakhona ayikho mifanekiso iqingqiweyo okanye iminqamlezo. Ngoba kutheni? AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba ukusebenzisa izinto ezilolo hlobo kuyangqubana nomyalelo weBhayibhile othi “sabani kulo unqulo-zithixo.” (1 Korinte 10:14; Yohane 4:24) Iicawa neetempile ezininzi zinobuqheleqhele. Kodwa ke iiHolo zoBukumkani azinabugocigoci yaye yonke into eba kuzo yakhiwe ngenjongo. Eyona nto ibalulekileyo ziimfundiso zeBhayibhile kungekhona isakhiwo ngokwaso.

Kutheni kusithiwa ziiHolo zoBukumkani nje? KwiiHolo zoBukumkani kufundiswa iBhayibhile nesigidimi sayo esiyintloko ‘esingobukumkani bukaThixo’ awayefundisa ngabo uYesu xa wayesemhlabeni. (Luka 4:43) Ngoko ke igama elithi iHolo yoBukumkani elaqanjwa ngeminyaka yee-1930 liyichaza kakuhle injongo yezi zakhiwo, ekukukhuthaza unqulo lokwenyaniso nokuba sisazulu sokushunyayelwa ‘kweendaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mateyu 24:14) Ngenxa yoko iiHolo zoBukumkani azisetyenziselwa iimbutho okanye izinto zorhwebo. Zakhiwa zize zinyanyekelwe ngeminikelo yokuzithandela. Akuqokelelwa nkongozelo. Kunoko kukho ibhokisi yeminikelo eyenzelwe abo bafuna ukunikela.

Zisetyenziselwa injongo enye zonke iiHolo zoBukumkani ehlabathini kodwa ke zakhiwa ngendlela engafaniyo yaye azilingani ngobukhulu. Indlela ezakhiwa ngayo ixhomekeka kwizinto zokwakha ezikhoyo kuloo ndawo, imozulu yalapho kunye nemeko yezimali yamaNgqina kaYehova. Ezinye zakhiwa ngezitena, imithi namatye. Ezinye azivalwa emacaleni, zakhiwa ngoqalo zize zifulelwe ngengca.

Iindwendwe zisoloko zamkelekile kwiHolo yoBukumkani. (Hebhere 10:25) Kude kubekho nentshumayelo eyenzelwe uwonke-wonke veki nganye, eba nomxholo othatyathwe eBhayibhileni neyenzelwe amaNgqina kunye nabantu abangengawo. Nawe uyamenywa ukuba ukhe uye kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova endawo ohlala kuyo.

ENgilani, eBritani