Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Umthandazo Uluncedo?

Ngaba Umthandazo Uluncedo?

NGABA kuyasinceda ukuthandaza? IBhayibhile ibonisa ukuba ukuthandaza kuyabanceda abakhonzi bakaThixo. (Luka 22:40; Yakobi 5:13) Eneneni ukuthandaza kusenza sibe nokholo yaye kungasinceda naxa sigula. Njani?

Masithi umntwana wakho uphiwe isipho. Ngaba ubuza kumfundisa ukuba kwanele ukuba azive esixabisa eso sipho? Okanye ngaba ubungayi kumfundisa ukuba athi uyabulela? Uxabiso lwethu luyakhula xa siyichaza indlela esivakalelwa ngayo. Ngaba kuba njalo naxa sithetha noThixo? Ngokuqinisekileyo. Khawuqwalasele le mizekelo imbalwa.

Imithandazo yokubulela. Xa simbulela uBawo ngezinto ezintle asenzela zona, siye sicinge kakhulu ngeentsikelelo. Loo nto isenza sibe nombulelo ngakumbi size sonwabe.—Filipi 4:6.

Umzekelo: UYesu wambulela uYise kuba wayemphulaphula yaye eyiphendula nemithandazo yakhe.—Yohane 11:41.

Ukuthandazela ukuxolelwa. Isazela sethu sisebenza nangakumbi size siguquke yaye sibuqonde ubunzulu besono xa sicela uThixo ukuba asixolele izono zethu. Kutsho kuphele nomvandedwa.

Umzekelo: UDavide wathandaza kuThixo emxelela ukuba wayeguqukile kwaye ezisola.—INdumiso 51.

Imithandazo yokucela ukhokelo nobulumko. Ukucela uYehova ukuba asinike ubulumko bokwenza izigqibo kunokusinceda sithobeke. Kunokusikhumbuza ukuba asazi yonke into ize loo nto isenze sithembele kuBawo wethu wasezulwini.—IMizekeliso 3:5, 6.

Umzekelo: USolomon wathobeka waza wacela ukhokelo nobulumko bokulawula uSirayeli.—1 Kumkani 3:5-12.

Imithandazo yaxa ubandezelekile. Ukuba siphalaza imbilini yethu kuThixo xa siphazamisekile, sakufumana isiqabu size sixhomekeke kuYehova kunokuba sizithembe.—INdumiso 62:8.

Umzekelo: UKumkani uAsa wathandaza xa wayejamelene notshaba oluyingozi.—2 Kronike 14:11.

Ukuthandazela abanye. Imithandazo enjalo iyasinceda singacingeli thina sedwa kunoko sibe novelwano nemfesane.

Umzekelo: UYesu wathandazela abalandeli bakhe.—Yohane 17:9-17.

Imithandazo yokudumisa. Ukudumisa uYehova ngenxa yemisebenzi neempawu zakhe ezintle kusenza simhlonele size simxabise nangakumbi. Imithandazo enjalo inokusisondeza nangakumbi kuThixo onguBawo wethu.

Umzekelo: UDavide wamdumisa uThixo ngenxa yendalo yakhe.—INdumiso 8.

Enye intsikelelo esiyifumana xa sithandaza ‘luxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.’ (Filipi 4:7) Ukufumana uxolo kweli hlabathi lineengxaki yintsikelelo engaqhelekanga. Olo xolo lusenza sibe sempilweni. (IMizekeliso 14:30) Ngaba lubangelwa yimigudu yethu? Okanye ngaba kukho into ebaluleke nangakumbi ebandakanyekileyo?

Umthandazo uluncedo ngeendlela ezininzi—empilweni, ngokweemvakalelo naselukholweni