Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu

IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu

INDODA eyakhula kabuhlungu yakwazi njani ukuba ngumyeni notata? Yintoni eyabangela ukuba ibhinqa elaliziphethe kakubi licoce ubomi balo? Khawuve ukuba bathini.

“Ndandiziva Ndingento Yanto.”—VÍCTOR HUGO HERRERA

  • UNYAKA WOKUZALWA: 1974

  • ILIZWE: CHILE

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: NDANDIYINDLAMANZI

INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO:

Ndazalelwa kwisixeko saseAngol, ummandla omhle wasemzantsi Chile. Andizange ndimbone nasemdudweni utata. Xa ndandineminyaka emithathu ubudala, umama wafuduka nam nomninawa wam saya kwikomkhulu, eSantiago. Sagob’ ityholo kwigumbi elincinane kwinkampu yabantu abangoodingindawo. Sasisebenzisa indlu yangasese kawonke wonke, amanzi sasiwakha kumbhobho wokucima umlilo.

Emva kweminyaka emithathu, urhulumente wasinika indlu encinane. Ngelishwa kubumelwane bethu kwakukho iingedle zeziyobisi, iindlamanzi, izaphuli-mthetho nonongogo.

Ngenye imini umama wadibana nenye indoda awathi watshata nayo ekugqibeleni. Utata wam wesibini wayenganxili hayi suka. Wayesibethel’ ugqirha nezicaka mna nomama. Ndandidla ngokuziba ndilile kanobom, ndinqwenela ukuba notata oza kundikhusela.

Nangona umama wayezijul’ ijacu ukuze asinyamekele, sasiziimpula zikalujaca. Sasilamba, maxa wambi sasilala sitye ubisi olungumgubo neswekile. Xa sifuna ukubukela umabonwakude sasidla ngokuzimela nomninawa wam siye kumbukela efestileni kwammelwane. Ngenye imini wasibhaqa laba ke liyaphela icham lokubukela umabonwakude.

Xa lo tata engaqhubi matakane—phofu ke yayinqabe okwezinyo le nkuku loo nto—wayedla ngokusithengela into esiwa phantsi kwempumlo. Ngenye imini wasithengela umabonwakude omncinane. Eso sesinye sezihlandlo endaziva ndonwabile.

Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala ndafunda ukubhala. Emva konyaka ndaphuma esikolweni ndaza ndaqalisa ukusebenza. Emva komsebenzi ndandidla ngokuhamba nabantu abadala endandisebenza nabo siye emijuxuzweni sinxile size sitshaye neziyobisi. Akuzange kubekudala, ndaba yingedle yazo.

Xa ndandineminyaka engama-20 ubudala ndadibana noCati, ekugqibeleni satshata. Ekuqaleni, izinto zazihamba kakuhle, kodwa kwathi kusenjalo ndavukwa likakade. Imeko yam yaba mandundu. Ekugqibeleni ndabona ukuba ndiza kuphelela entolongweni okanye engcwabeni. Okubi nangakumbi kukuba, unyana wam uVíctor  ndandimphilisa ubomi bentshontsho kanye njengam xa ndandiselula. Ndaba buhlungu, ndanomsindo, ndaziva ndingento yanto.

Malunga nowama-2001, ndatyelelwa ngamaNgqina kaYehova amabini waza uCati waqalisa ukufunda iBhayibhile nawo. Wandichazela izinto awayezifunda. Kuba ndandifuna ukwazi, nam ndaqalisa ukufunda iBhayibhile. Ngowama-2003, wabhaptizwa waba liNgqina likaYehova.

INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO IBHAYIBHILE UBOMI BAM:

Ngenye imini, ndafunda uRute 2:12, othi uYehova uyabavuza abo banokholo, abafuna inkuseleko kuye. Ndaqonda ukuba, ukuba ndenza utshintsho, ndinokumkholisa uThixo aze andivuze. Ndaphawula ukuba iBhayibhile iyakugxeka ukunxila. Amazwi akweye-2 kwabaseKorinte 7:1 andosela. Loo vesi isibongoza ukuba “sizihlambulule kuko konke ukudyobheka.” Ndohlukana nemikhwa emibi. Ekuqaleni, ndandidla ngokuba nephuku, kodwa uCati akazange ayeke ukundixhasa.

Ekugqibeleni ndayeka emsebenzini kuba yayinkulu ingcinezelo yokusela nokutshaya. Nangona ukungasebenzi kwakuthetha ukuphila ngemali encinane, kodwa loo nto yandinika ixesha elingakumbi lokufunda iBhayibhile. Ndaqalisa ngelo xesha ukwenza inkqubela. UCati akazange afune imali engaphezu kwaleyo ndandimnika yona, engazange andingcikive ngokungezi nemali eninzi. Ndibamba ngazibini ngokundixhasa kwakhe ngokunyaniseka.

Ndaqalisa ukukukhuthalela ukunxulumana namaNgqina. Andinceda ndabona ukuba nangona ndandingayanga esikolweni, uYehova uyawuxabisa umnqweno wam onyanisekileyo wokumkhonza. Uthando nomanyano olwalukwibandla lamaKristu layosela kanobomi intsapho yethu. Asizange silufumane uxolo kuyo nayiphi enye indawo. NgoDisemba 2004, nam ndabhaptizwa.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO:

Ndiye ndazibonela ngokwam ubunyaniso bamazwi kaYehova akuIsaya 48:17, apho athi: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe.” Umama nomntakwethu babethwa eluphondweni lutshintsho endalwenzayo kangangokuba ngoku nabo bafunda iBhayibhile. Kwanabamelwane, bayavuya kukubona indlela enditshintshe ngayo, kwaye nentsapho yethu yonwabe gqitha.

Ndinomfazi othanda uThixo ondijonga njengeqabane nomhlobo othembekileyo. Nangona ndingazange ndimbone nasemdudweni utata. IBhayibhile indifundisile indlela yokukhulisa oonyana bam abathathu yaye bayandihlonela. Okona kubaluleke nangakumbi, uYehova bambona njengoMntu wokwenene, bandithanda gqitha.

“Nangona ndingazange ndimbone nasemdudweni utata wam, iBhayibhile indifundisile indlela yokukhulisa oonyana bam abathathu”

Ndinombulelo ongazenzisiyo ngokuba nangona ndingazange ndikhule kakuhle, uYehova undinike ithuba lokuba ndonwabe.

 Ndaba Ngumntu Onephuku, Nophuma Silwe.”—NABIHA LAZAROVA

  • UNYAKA WOKUZALWA: 1974

  • ILIZWE: BULGARIA

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: UMTHUBELEZISI WEZIYOBISI

INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO:

Ndazalelwa eSofia, eBulgaria, kwintsapho efumileyo. Utata wayishiya intsapho yakowethu xa ndandineminyaka emithandathu ubudala. Yandothusa gqitha loo nto yaza yandophul’ umoya. Ndaziva ndilahliwe ndiliphokaphalala. Njengokuba ndandisiya ndikhula ezi mvakalelo zandenza ndaba ngumvukeli. Ndaba yintombazana enophuku nenguphuma silwe.

Xa ndandineminyaka eli-14 ubudala, ndaqhwesh’ ekhaya. Ndandidla ngokuba imali kamama ekatatomkhulu nomakhulu. Esikolweni ndandisoloko ndisenkathazweni ngenxa yephuku, ngenxa yoko, ndaya kwizikolo ezihlanu ezahlukeneyo kwiminyaka nje emihlanu. Kwiminyaka emithathu ngaphambi kokuba ndifumane idiploma yam, ndaqhawula esikolweni. Ndaphila ubomi obuvakalala ndaza ndayingedle yecuba nentsangu. Ndandinganxili ndandisiza ngasemnyango ndithanda nemijuxuzo. Ndaqalisa nokuthubelezisa iziyobisi. Ndandingakwazi ukuphila kwihlabathi elinganik’ ithemba nelinabantu abasokolayo. Ndandiphilela unamhlanje.

Ngo-1998, xa ndandineminyaka eli-24 ubudala, ndabanjelwa ukuthubelezisa iziyobisi kwisikhululo senqwelo moya eSão Paulo, eBrazil. Ndagwetywa iminyaka emine.

INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE:

Ngo-2000, amaNgqina kaYehova aqalisa ukutyelela intolongo endandivalelwe kuyo kanye ngeveki. Elinye lalo maNgqina uMarines wandiphatha kakuhle gqitha. Wandenza ndanomdla wokufunda iBhayibhile. Ekubeni ndandingazange ndive ngamaNgqina kaYehova, ndacela amanye amabanjwa ukuba akhe andityebisele ngawo. Into eyandothusayo kukuba, inkoliso yabantu endababuzayo abazange bathethe kakuhle ngawo. Elinye ibanjwa lathi ndingangena kuyo nayiphi na inkonzo kodwa ingabi ngamaNgqina kaYehova. Amazwi alo andenza ndafuna ukwazi okungakumbi; ndandifuna ukwazi ukuba kutheni bethiywe kangaka aba bantu. Ekugqibeleni ndafumanisa ukuba balunqulo lokwenyaniso. Emva koko, iBhayibhile ithi wonke ubani ozama ukulandela uYesu uya kutshutshiswa.—2 Timoti 3:12.

Ngelo xesha, ndandisebenza kwisakhiwo esilawula intolongo. Ngenye imini, ndafumana iibhokisi ezineeMboniselo noVukani! * abadala kwigumbi ekwakugcinwa kulo izinto. Ndazithatha ndaya nazo kwisisele sam ndaza ndaqalisa ukuzifunda. Okukhona ndizifunda ndaziva ngathi ngoxa ndisentlango engenamanzi ndisuke ndafumana iqula elinamanzi amnandi. Ekubeni ndandinexesha elininzi, ndandifunda iBhayibhile yonke imihla iiyure ngeeyure.

Ngenye imini ndabizwa eofisini. Ndandicinga ukuba ndiza kukhululwa, ndaqokelela imigodlwana yam, ndaza ndathi ndlela ntle kwamanye  amabanjwa, ndagqotsa ukuya eofisini. Ukufika kwam, ndafumanisa ukuba kuvulwe ityala elitsha lokuba namaphepha obuxoki. Ngenxa yoko, ndagwetywa eminye iminyaka emibini.

Ekuqaleni, intliziyo yayilihlwili. Kodwa emva kweentsuku ezithile, ndaqonda ukuba le yayiyintsikelelo ngandlel’ ithile. Nangona ndandifunde izinto ezininzi eBhayibhileni, ndandisakunqwenela ukuthabathisa nobomi bam bangaphambili ndisakuphuma entolongweni. Ndandifuna ixesha elingakumbi ukuze nditshintshe.

Maxa wambi ndandivakalelwa kukuba uThixo akanakuze andamkele. Kodwa ke ndacamngca ngevesi ezinje ngeyoku-1 kwabaseKorinte 6:9-11. Ezo vesi zibonisa ukuba ngenkulungwane yokuqala Yexesha Eliqhelekileyo, wambi amaKristu ayengamasela, amanxila nabaphangi ngaphambi kokuba akhonze uYehova. Kodwa uYehova wawanceda atshintsha. Umzekelo wabo wandikhuthaza ngqitha.

Kwabalula ukwahlukana neminye imikhuba. Ngokomzekelo, kwabalula gqitha ukwahlukana neziyobisi. Kodwa ukwahlukana necuba kwaba ngumnqantsa. Ndalwa nawo ixesha elingaphezu konyaka ngaphambi kokuba ndiwoyise. Enye into eyandincedayo kukufunda ngezinto ezimbi ezenziwa licuba emntwini. Kodwa eyona nto yandinceda kakhulu yaba kukuzingisa ekuthandazeni kuYehova.

“Ndifumene uBawo wokwenene—ongasoze andilahle”

Njengoko ndandisondela kuYehova, ngokuthe ngcembe ndazoyisa iimvakalelo zokuziva ndingento yanto ezazibangelwe kukushiywa ngutata. Amazwi eNdumiso 27:10 andibetha eluphondweni. Loo vesi ithi: “Nokuba ubawo noma bangandishiya, Ke yena uYehova uya kundithabatha.” Ndaqonda ukuba ndifumene uBawo wokwenene—ongasoze andilahle. Ngoku ubomi bam bunenjongo. NgoAprili 2004, emva kweenyanga ezintandathu ndikhululwe entolongweni, ndabhaptizwa ndaba liNgqina likaYehova.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO:

Ngoku ndonwabile kuba ndohlukene nemikhwa eyenzakalisayo. Ndingumqabaqaba kunangokuya ndandiselula. Ndonwabile emtshatweni yaye ndinobuhlobo obusenyongweni noBawo wam wasezulwini, uYehova. Phakathi kwabanquli bakhe ndifumene, ootata, oomama, abantakwethu noodade abaninzi. (Marko 10:29, 30) Ndiyavuya kuba babona ukuba ndinokuba nguye umnquli kaYehova kwanangaphambi kokuba ndiyibone mna loo nto.

Maxa wambi, ndikhe ndonganyelwe ngumvandedwa ngenxa yezinto endandizenza. Kodwa ndiye ndithuthuzelwe kukwazi ukuba kwihlabathi elitsha elithenjiswa nguThixo, izinto zangaphambili ‘aziyi kunyuka zithi qatha entliziyweni.’ (Isaya 65:17) Okwangoku, izinto endiye ndatyhubela kuzo ziyandinceda ndibe novelwano kubantu abaneengxaki ezifana nezam. Ngaloo ndlela, ubomi bam bangaphambili buluncedo. Ngokomzekelo, xa ndisentsimini kuba lula ukuthetha nabantu abaziingedle zeziyobisi, iindlamanzi okanye izaphuli mthetho ngaphandle kokuba nekhethe. Ndiqinisekile ukuba, ukuba ndatshintsha ukuze ndikholise uYehova, nabani na angakwazi.

^ isiqe. 29 Apapashwa ngamaNgqina kaYehova.