Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Urhwaphilizo Luqhubeka Lukho?

Kutheni Urhwaphilizo Luqhubeka Lukho?

“Ngexesha athi umntu alawule umntu iba kukwenzakala kwakhe.”—INTSHUMAYELI 8:9.

La mazwi ayichaza kakuhle imbali yolawulo lomntu. Lubekek’ ityala ngako konke ukubandezeleka okukhoyo. Ukususela kwamhla mnene, abantu abaneenjongo ezintle abaye bazama ukuphuhlisa intlalo yoluntu baye baphela sebenyoluka baza barhwaphiliza. Kutheni kunjalo? Kutheni urhwaphilizo luqhubeka lukho? Unobangela zezi zizathu zilandelayo.

1. Impembelelo yesono.

IBhayibhile itsho phandle ukuba ‘sonke siphantsi kwesono.’ (Roma 3:9) Isono sifana nesifo esosulelayo, ‘sihleli’ kuthi. Kangangeminyaka, isono ‘besilawula’ uluntu njengokumkani. ‘Umthetho’ wesono uqhubeka usilawula. Utyekelo lwesono lwenza abantu abaninzi babeke phambili iimfuno zabo okanye baqinisekise ukuba baziqokelelela ubunewunewu beli hlabathi okanye igunya ngokuthi bacinezele abanye.—Roma 5:21; 7:17, 20, 23, 25.

 2. Impembelelo yehlabathi elingendawo elisingqongileyo.

Ihlabathi esiphila kulo lizaliswe kukunyoluka nokuzinomfa. Ukuphila phantsi kweemeko ezinjalo, kwenza kube nzima kwabanye ukwahluka. Beqhutywa kukuzingca, baye banyolukele igunya. Kwakhona bathanda imali nokuba nezinto ezininzi kunezo bazidingayo. Okubuhlungu kukuba, baye banganyaniseki ukuze bafezekise iminqweno yabo. Endaweni yokuba bayixhathise le mpembelelo, abantu abanjalo ‘balandela isihlwele esineenjongo ezimbi.’—Eksodus 23:2.

3. Impembelelo kaSathana uMtyholi.

USathana, isidalwa esingabonakaliyo, “ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.” (ISityhilelo 12:9) Uyakuthanda ukwenza abantu oonodoli bakhe. Usenokuthi ngobuqothaqikili asebenzise kakubi umnqweno womntu ongokwemvelo wokufuna ukuphila tofotofo nokuba nezinto ngokumenza abe nobuqhetseba.

Ngaba loo nto ithetha ukuba sifana noonoodoli esandleni sikaSathana—abenza loo nto afuna bayenze? Akunjalo, kwinqaku elilandelayo siza kuva ukuba kutheni singengabo.