Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 SONDELA KUTHIXO

‘Umvuzi Wabo Bamfuna Ngenyameko’

‘Umvuzi Wabo Bamfuna Ngenyameko’

Ngaba uYehova uyakuxabisa oko kwenziwa ngabakhonzi bakhe bezama ukumkholisa? Abanye basenokuthi akunjalo, besithi uThixo akanamdla kuthi. Bubuxoki obo. ILizwi lakhe iBhayibhile lisiqinisekisa ukuba uYehova uyakuxabisa konke okwenziwa ngabakhonzi bakhe abathembekileyo. Khawucinge nje ngamazwi ompostile uPawulos akumaHebhere 11:6.

Yintoni ekufuneka siyenze ukuze simkholise uYehova? UPawulos uthi: “Ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle [uThixo].” Phawula ukuba uPawulos akathi kunzima ukukholisa uThixo ngaphandle kokholo. Kunoko uthi akunakwenzeka. Ngamanye amazwi, ukholo yenye yezinto ezibalulekileyo ukuze sikholise uThixo.

Lukholo olunjani olukholisa uYehova? Ukholo lwethu kuThixo lumele lubandakanye izinto ezimbini. Okokuqala, ‘simele sikholwe ukuba ukho.’ Sinokumkholisa njani uThixo xa sithandabuza ubukho bakhe? Ukholo lokwenene lubandakanya okungakumbi kuba needemon ziyakholwa ukuba ukho. (Yakobi 2:19) Izenzo zethu zimele zibonise ukuba siyakholelwa ukuba uThixo ukho ngokuphila ngendlela emkholisayo.Yakobi 2:20, 26.

Okwesibini, ‘simele sikholwe ukuba uThixo ungumvuzi.’ Umntu onokholo lokwenene uqinisekile ukuba imigudu yakhe yokuphila ngendlela ekholisa uThixo ayilolize. (1 Korinte 15:58) Sinokumkholisa njani uYehova xa sithandabuza ukuba uyafuna ukusivuza? (Yakobi 1:17; 1 Petros 5:7) Umntu othi uThixo akakhathali, akanaxabiso yaye akanabubele, akamazi uThixo ekuthethwa ngaye eBhayibhileni.

Ngoobani abavuzwa nguYehova? UPawulos uthi, ‘ngabo bamfuna ngenyameko.’ Enye incwadi yabaguquleli beBhayibhile ithi, igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘abo bamfuna ngenyameko’ alithethi “ukumkhangela,” kunoko, lithetha “ukumnqula” uThixo. Enye incwadi ithi esi senzi sesiGrike sithetha ukuzibhokoxa. UYehova uvuza abo ukholo lwabo lubenza bamnqule ngentliziyo epheleleyo nangenzondelelo.Mateyu 22:37.

Sinokumkholisa njani uYehova xa sithandabuza ukuba uyafuna ukusivuza?

UYehova ubavuza njani abakhonzi bakhe abathembekileyo? Ubathembise ngomvuzo oxabisekileyo nobubungqina bothando analo ngathi—ubomi obungunaphakade kwiParadesi esemhlabeni. (ISityhilelo 21:3, 4) Nangoku, abo bamfuna ngenyameko uYehova bafumana iintsikelelo ezingenakulinganiswa nanto. Ngoncedo lomoya oyingcwele nobulumko obufumaneka kwiLizwi lakhe, baphila ubomi obunenjongo nobanelisayo.INdumiso 144:15; Mateyu 5:3.

Lilonke, uYehova nguThixo owuxabisayo umsebenzi wabakhonzi bakhe abamkhonza ngokuthembeka. Ngaba ukwazi oko akukwenzi ufune ukusondela kuye? Ukuba kunjalo, kutheni ungafundi ngendlela onokubonisa ngayo ukholo oluya kuvuzwa nguYehova?

IZibhalo Onokuzifunda NgoNovemba

Tito 1; Filemon;Hebhere;–Yakobi 5