Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUNCOKOLA NOMMELWANE

Baqalisa Nini Ukulawula UBukumkani BukaThixo? (Inxalenye Yoku-1)

Baqalisa Nini Ukulawula UBukumkani BukaThixo? (Inxalenye Yoku-1)

Le yincoko ekuqhelekileyo ukuba iNgqina likaYehova libe nayo nommelwane. Masithi iNgqina elinguCameron lindwendwele umfo onguJon.

‘QHUBEKA UFUNA UKUQONDA’

Cameron: Jon, ndizonwabela gqitha ezi ncoko zeBhayibhile simane sisiba nazo. * Xa besincokola kwixesha elidluleyo, uye wabuza ngoBukumkani bukaThixo. Ubuze isizathu sokuba amaNgqina kaYehova ekholelwa ukuba uBukumkani baqalisa ngo-1914 ukulawula.

Jon: Unyanisile, bendifunda enye yeencwadi zenu, yaye ithe uBukumkani bukaThixo baqalisa ngo-1914 ukulawula. Loo nto indenze ndanomdla, kuba nithi zonk’ izinto enizikholelwayo zikhona eBhayibhileni.

Cameron: Yinyani leyo.

Jon: Yhazi, nam ndikhe ndayifunda yonk’ iBhayibhile. Kodwa andikhumbuli ndibona isibhalo esithetha ngo-1914. Ndide ndaya kusikhangela nakwiBhayibhile ekwi-intanethi. Nalapho ndibuye nemband’ esikhova.

Cameron: Jon, mandikuncome ngenxa yezi zizathu zibini. Okokuqala, uyifunde yonke iBhayibhile. Loo nto ibonisa ukuba ulithanda nyhani iLizwi likaThixo.

Jon: Ewe ndiyalithanda. Akho nanye incwadi efana nalo.

Cameron: Kunjalo kanye. Okwesibini, ndifuna ukukuncoma ngokuya eBhayibhileni xa ufuna impendulo yombuzo wakho. Wenze kanye le nto iBhayibhile isikhuthaza ukuba siyenze: ‘Ukuqhubeka sifuna ukuqonda.’ * Intle into yokuba unomdla ongaka.

Jon: Enkosi. Ndiyafuna ukuqhubeka ndifunda. Enyanisweni, ndikhe ndaphanda kule ncwadi sidla ngokuyifunda ndaze ndafumana nto ithile ngo-1914. Ithethe ngephupha likakumkani elingomthi owanqunyulwayo waza waphinda wakhula, into enjalo kodwa.

Cameron: Oo, ewe. Sisiprofeto esikuDaniyeli isahluko 4 eso. Sithetha ngephupha likaKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni.

Jon: Ewe, siso eso. Ndiye ndasiphindaphinda eso siprofeto. Kodwa xa nditheth’ inyani, andiboni ukuba sidibana njani noBukumkani bukaThixo okanye unyaka ka-1914.

Cameron: Yhazi ke Jon, nomprofeti uDaniyeli akazange ayiqonde eyona ntsingiselo yoko wayephefumlelwe ukuba akubhale!

Jon: Nyhani?

Cameron: Ewe. Apha kuDaniyeli 12:8, uthi: “Ndakuva oko, kodwa andakuqonda.”

Jon: Ayindim ndedwa mos. Kwatsho kwangcono ke ngoku.

Cameron: Inyaniso kukuba, uDaniyeli akazange aqonde kuba lalingekafiki ixesha lokwazi kwabantu oko kuthethwa ziziprofeto zencwadi kaDaniyeli. Kodwa kweli lethu ixesha singakwazi ukuziqonda ngokupheleleyo.

 Jon: Kutheni usitsho nje?

Cameron: Khawuve oko sikufundayo kwivesi elandela le. UDaniyeli 12:9 uthi: “La mazwi aya kugcinwa eyimfihlelo, atywinwe kude kube lixesha lesiphelo.” Ngoko ezi ziprofeto zaziya kuqondwa kuphela kamva ‘ngexesha lesiphelo.’ Yaye njengoko siseza kuxubusha kwisifundo sethu seBhayibhile, bonke ubungqina bubonisa ukuba ngoku siphila kwelo xesha. *

Jon: Ungakwazi ke ukundicacisela ngesi siprofeto sikuDaniyeli?

Cameron: Ndiza kukhe ndizame.

IPHUPHA LIKANEBHUKADENETSARE

Cameron: Ukuze ndiqalise, makhe ndithi gqaba-gqaba ngento eyabonwa nguKumkani uNebhukadenetsare ephupheni. Emva koko ke sithethe ngentsingiselo yalo.

Jon: Kulungile.

Cameron: Ephupheni lakhe, uNebhukadenetsare wabona umthi omkhulu owawufikelela ezulwini. Emva koko weva umthunywa kaThixo eyalela ukuba loo mthi unqunyulwe. Noko ke, uThixo wathi iingcambu zawo maziyekwe emhlabeni. Emva “kwamaxesha asixhenxe,” lo mthi wawuza kukhula kwakhona. * Ekuqaleni, eli phupha lalibhekisela kuKumkani uNebhukadenetsare ngokwakhe. Nangona wayengukumkani obalaseleyo—ngokungathi ngumthi okhula de ufike ezulwini—wanqunyulwa ‘kangangamaxesha asixhenxe.’ Uyayikhumbula into eyenzekayo?

Jon: Hayi andikhumbuli.

Cameron: Kulungile. IBhayibhile ibonisa ukuba uNebhukadenetsare waphambana iminyaka esixhenxe. Ngelo xesha, wayengenakukwazi ukuba ngukumkani. Kodwa ekupheleni kwamaxesha asixhenxe, wabuyela ezingqondweni waza waqalisa ukulawula kwakhona. *

Jon: Qhuba, ndiyakuva. Kodwa khawutsho, le nto xa iyonke idibana njani noBukumkani bukaThixo no-1914?

Cameron: Ngamafutshane, esi siprofeto sizaliseke kabini. Okokuqala sazaliseka xa kwaphazamiseka ulawulo lukaKumkani uNebhukadenetsare. Okwesibini kuxa kwaphazamiseka ulawulo lukaThixo. Ngoko ke koku kuzaliseka kwesibini okudibana noBukumkani bukaThixo.

Jon: Wazi njani ukuba esi siprofeto sinento yokwenza noBukumkani bukaThixo?

Cameron: Lo mbuzo uphendulwa sisiprofeto ngokwaso. NgokukaDaniyeli 4:17, esi siprofeto sabakho “ukuze abantu abaphilayo bazi ukuba Oyena Uphakamileyo unguMlawuli ebukumkanini babantu yaye ubunika lowo athanda ukumnika.” Ngaba uliqaphele ibinzana elithi ‘ubukumkani babantu’?

Jon: Ewe, le vesi ithi “Oyena Uphakamileyo unguMlawuli ebukumkanini babantu.”

Cameron: Kunjalo kanye. Ucing’ ukuba ngubani ke “Oyena Uphakamileyo”?

Jon: Ndicing’ ukuba nguThixo.

Cameron: Uchan’ ucwethe. Ngamany’ amazwi le nto isixelela ukuba esi siprofeto asithethi ngoNebhukadenetsare kuphela. Sikwathetha ‘nangobukumkani babantu’—oko kukuthi, ulawulo lukaThixo. Uyabona ke ukuba iyadibana xa sisijonga sonke esi siprofeto?

Jon: Utheth’ ukuthini?

UMONGO WALE NCWADI

Cameron: Kangangamatyeli amaninzi, incwadi yeBhayibhile kaDaniyeli ibuyela kwakulo mxholo. Ihlala ikhomba ngqo ekusungulweni koBukumkani bukaThixo phantsi kolawulo loNyana wakhe, uYesu. Ngokomzekelo, makhe sibuyele umva kwizahluko ezithile. Ndicel’ ufunde uDaniyeli 2:44.

Jon: Kulungile. Uthi: “Ngemihla yabo kumkani uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi  zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”

Cameron: Enkosi. Ngaba ungatsho ukuba le vesi ivakala ngokungathi ithetha ngoBukumkani bukaThixo?

Jon: Hay’ andiqinisekanga

Cameron: Uyabona phofu ukuba ithi uBukumkani buya ‘kuma ukusa kwixesha elingenammiselo’? BuBukumkani bukaThixo kuphela obunokuhlala ithuba elide ngolo hlobo, kungekhona oorhulumente babantu, akunjalo?

Jon: Kunjalo.

Cameron: Nasi esinye isiprofeto esithetha ngoBukumkani bukaThixo kwincwadi kaDaniyeli. Sifumaneka kuDaniyeli 7:13, 14. Ngokuphathelele umlawuli wexesha elizayo, esi siprofeto sithi: “Wanikwa ulawulo nesidima nobukumkani, ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze. Ulawulo lwakhe lulawulo oluhlala ngokungenammiselo olungayi kudlula, nobukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.” Ngaba ikho into evakala iqhelekile kwesi siprofeto?

Jon: Sikhankanya ubukumkani.

Cameron: Unyanisile. Yaye akuthethwa ngobukumkani nje apha. Qaphela ukuba kuthiwa obu Bukumkani uya kuba negunya ‘kwizizwana neentlanga neelwimi.’ Ngamany’ amazwi, obu Bukumkani buya kulawula kuwo wonke umhlaba.

Jon: Khange ndiyiqonde ke leyo, kodwa unyanisile.

Cameron: Phinda uqaphele into ethethwa sesi siprofeto: “Ulawulo lwakhe lulawulo oluhlala ngokungenammiselo olungayi kudlula, nobukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.” Le nto ifana twatse nesiprofeto esikuDaniyeli 2:44, akunjalo?

Jon: Kunjalo.

Cameron: Makhe sibuyele kwizinto ebesesithethe ngazo. Isiprofeto esikuDaniyeli isahluko 4 sabakho ukuze abantu “bazi ukuba Oyena Uphakamileyo unguMlawuli ebukumkanini babantu.” Ewodwa nje loo mazwi abonisa ukuba esi siprofeto sinenzaliseko ebanzi kunaleyo iquka uNebhukadenetsare. Ibe kuyo yonke incwadi kaDaniyeli, sifumana iziprofeto ezingokumiselwa koBukumkani bukaThixo obuphantsi kolawulo loNyana wakhe. Ngaba ucinga ukuba simele sigqibe ekubeni esi siprofeto sikuDaniyeli isahluko 4 sinento yokwenza noBukumkani bukaThixo?

Jon: Ndicinga njalo. Kodwa andikayiboni ukuba idibana njani no-1914.

“KUDE KUDLULE AMAXESHA ASIXHENXE”

Cameron: Makhe sibuyele kuKumkani uNebhukadenetsare. Umthi wawumela yena kwinzaliseko yokuqala yesi siprofeto. Ulawulo lwakhe lwaphazamiseka xa umthi lowo wagawulwa waza wayekwa unjalo kangangamaxesha asixhenxe—ngethuba lokuphambana kwakhe. Loo maxesha asixhenxe aphela xa uNebhukadenetsare wabuyela ezingqondweni waza walawula kwakhona. Kwinzaliseko yesibini yesi siprofeto, ulawulo lukaThixo luya kuphazanyiswa kangangethutyana, kodwa kungekhona kuba uThixo esilela.

Jon: Utheth’ ukuthini?

Cameron: Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ookumkani bakwaSirayeli ababelawula eYerusalem kwakusithiwa bahleli “etroneni kaYehova.” * Babemela uThixo ngokulawula abantu bakhe. Ngoko ulawulo lwabo kumkani yayilulawulo lukaThixo. Noko ke, ekuhambeni kwexesha abo kumkani baqalisa ukungamthobeli uThixo yaye abantu abaninzi  balandela ekhondweni labo. Ngenxa yokungathobeli kwamaSirayeli, uThixo wawayeka oyiswa ngamaBhabhiloni ngonyaka ka-607 ngaphambi kwexesha likaYesu. Ukususela ngelo xesha, akukho kumkani waphinda wamela uYehova eYerusalem. Ngaloo ndlela, ulawulo lukaThixo lwaphazamiseka. Sisekunye?

Jon: Ndicinga njalo.

Cameron: Ngoko unyaka ka-607 waba kukuqalisa kwamaxesha asixhenxe, okanye ixesha lokuphazamiseka kolawulo lukaThixo. Ekupheleni kwamaxesha asixhenxe, uThixo wayeza kumisela umlawuli omtsha owayeza kummela—kwesi isihlandlo, umntu osezulwini. Lelo xesha ke ezaziya kuzaliseka ngalo ezinye iziprofeto esifunda ngazo kuDaniyeli. Kodwa ke ngoku, aphela nini amaxesha asixhenxe? Ukuba singawuphendula lo mbuzo, siya kutsho sazi ukuba uBukumkani bukaThixo baqalisa nini ukulawula.

Jon: Ndiyakuva. Ngaba loo nto ithetha ukuba amaxesha asixhenxe aphela ngo-1914?

Cameron: Uchan’ ucwethe! Yiyo leyo.

Jon: Kodwa ke siyazi njani loo nto?

Cameron: Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wabonisa ukuba lalingekafiki ixesha lokuphela kwamaxesha asixhenxe. * Ngoko kufanel’ ukuba eli lixesha elide. Amaxesha asixhenxe aqala kumakhulu eminyaka ngaphambi kokuza kukaYesu emhlabeni, yaye aqhubeka de kwalixesha elithile emva kokubuyela kwakhe ezulwini. Kwakhona, khumbula ukuba iziprofeto zikaDaniyeli zazingazi kucaca de kube “lixesha lesiphelo.” * Okubangel’ umdla kukuba, ngasekupheleni kweminyaka yee-1800, abafundi beBhayibhile abathembekileyo baba nomdla kwezi ziprofeto baza bazihlolisisa ngokucokisekileyo. Emva koko baqonda ukuba amaxesha asixhenxe aya kuphela ngo-1914. Yaye ukususela ngoko iziganeko ezininzi zehlabathi zabonisa ukuba u-1914 ngunyaka uBukumkani bukaThixo obaqalisa ngawo ukulawula ezulwini. Lowo ngunyaka elangena ngawo kwimihla yokugqibela eli hlabathi. Ndiqinisekile ukuba awunakukwazi ukuyetyisa yonke le nkcazelo.

Jon: Unyanisile. Kuza kufuneka ndikhe ndiphinde ndikufunde konke oku ukuze ndikuqonde.

Cameron: Ungakhathazeki. Nam kwandithatha ixesha elide ukukuqonda oku. Kodwa ke ndinethemba lokuba yonke le nto sithethe ngayo ikuncede wabona ukuba iinkolelo zamaNgqina kaYehova ngoBukumkani zisuka eBhayibhileni.

Jon: Ngokuqinisekileyo. Isoloko indichukumisa indlela eniyikholelwa ngayo iBhayibhile.

Cameron: Ndiyabona ukuba nawe unqwenela into efanayo. Njengoko senditshilo, awunakukwazi ukubamba yonke le nkcazelo ngexesha elinye. Ufanele ukuba usenayo imibuzo. Ngokomzekelo, siye safumanisa ukuba amaxesha asixhenxe abhekisela kuBukumkani bukaThixo yaye aqalisa ngonyaka ka-607 ngaphambi kwexesha likaYesu. Kodwa sazi njani ukuba la maxesha asixhenxe aphela ngo-1914? *

Jon: Ewe, ndisazibuza loo mbuzo.

Cameron: IBhayibhile ngokwayo isinceda sibone ubude bamaxesha asixhenxe. Ngaba uyafuna na ukuva ngalo mxholo xa ndiphinde ndabuya? *

Jon: Ndingayivuyela loo nto.

Ngaba unombuzo weBhayibhile obusoloko uzibuza wona? Ngaba ukhe uzibuze ngeenkolelo zamaNgqina kaYehova? Ukuba kunjalo kungakunceda ukuthetha nomnye wamaNgqina kaYehova. Uya kukuvuyela ukuphendula imibuzo yakho.

^ isiqe. 5 AmaNgqina kaYehova afundela abantu iBhayibhile simahla.

^ isiqe. 21 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 9 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 63 Kwisiprofeto sakhe esingemihla yokugqibela, uYesu wathi: “IYerusalem [eyayimela ulawulo lukaThixo] iya kunyathelwa ziintlanga, ade azaliseke amaxesha amisiweyo eentlanga.” (Luka 21:24) Ngoko ukuphazamiseka kolawulo lukaThixo kwakusaqhubeka ngemihla kaYesu, yaye kwakuza kuqhubeka de kube yimihla yokugqibela.

^ isiqe. 69 Ungcelele olulandelayo lwala manqaku luneevesi ezicacisa ubude bamaxesha asixhenxe.