Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA USATHANA NGUMNTU WOKWENENE?

Ngaba USathana Yingcinga Nje Embi?

Ngaba USathana Yingcinga Nje Embi?

Kulula ukucinga ukuba lo Sathana sifunda ngaye eBhayibhileni asingomntu wokwenene kodwa yingcinga nje embi ngaphakathi emntwini. Ngaba iBhayibhile ifundisa loo nto? Ukuba kunjalo, kutheni ke isithi uSathana waba nengxoxo noYesu Kristu, nkqu noThixo uSomandla? Makhe sithethe ngezimbini kwezi ngxoxo.

XA USATHANA WATHETHA NOYESU

Xa uYesu wayeqalisa umsebenzi wakhe wokushumayela, uMtyholi wazama ukumlinga ngezihendo ezithathu. Okokuqala, uSathana wazama ukwenza uYesu asebenzise amandla awawanikwa nguThixo ukuze azenzele ukutya. Emva koko, uMtyholi wafuna uYesu abeke ubomi bakhe emngciphekweni ukuze nje atsale amehlo. Ekugqibeleni, uSathana wathembisa uYesu ngokumnika zonke izikumkani zomhlaba, ukuba wayenokumnqula nje kube kanye. Ecaphula iZibhalo kwimpendulo nganye, uYesu wazikhaba zontathu iinzame zelo qothaqikili.—Mateyu 4:1-11; Luka 4:1-13.

Wayethetha nabani uYesu? Ngaba wayethetha neengcinga zakhe ezimbi? IZibhalo zithi uYesu “wavavanywa ngandlela zonke njengathi, kodwa engenasono.” (Hebhere 4:15) Ziphinda zithi: “Akazange enze sono, kungazange kufunyanwe nankohliso emlonyeni wakhe.” (1 Petros 2:22) UYesu wahlala efezekile, ibe wahlala ethembekile kuThixo. Akazange abe nazo kwaphela iimpawu ezingcolileyo. Kucace mhlophe ukuba uYesu wayengathethi neengcinga zakhe ezimbi, kodwa wayethetha nomntu ophilayo.

Le ngxoxo inye isinika ubungqina obungakumbi bokuba uSathana ngumntu wokwenene.

  • Khumbula kaloku ukuba uMtyholi wathembisa uYesu ngokumnika zonke izikumkani zomhlaba, ukuba nje wayenokumnqula. (Mateyu 4:8, 9) Ukuba uSathana wayengengomntu wokwenene, eso sithembiso sasiya kuba ngumoya. Kwakhona, uYesu akazange athi uSathana akanalo elo gunya.

  • Akuba uYesu engazange ahendeke, uMtyholi “wemka kuye de kwaba lelinye ixesha elimlungeleyo.” (Luka 4:13) Ngaba oku kubonisa ukuba uSathana yingcinga nje engcolileyo, okanye utshaba olungancamiyo?

  • Qaphela ukuba “iingelosi zeza zaza zamlungiselela” uYesu. (Mateyu 4:11) Ngaba ezo ngelosi zazingabantu bomoya bokwenene, abakhuthaza baza benzela uYesu nezinye izinto? Kucacile ukuba kunjalo. Xa kunjalo, kutheni ke sifanele sicinge ukuba uSathana akangomntu womoya wokwenene?

 XA USATHANA WATHETHA NOTHIXO

Ibali lesibini lingoYobhi, indoda eyayisoyika uThixo. Kulo siva ngezihlandlo ezibini apho uMtyholi wathetha noThixo. Kuzo zozibini, uYehova wancoma uYobhi ngokuhlala kwakhe ethembekile. USathana wathi uYobhi ukhonza uThixo kuba nje efumana amaqithiqithi, lilonke esithi uThixo uyamthenga uYobhi. Ngeliphandle, uMtyholi wayesithi oyena mntu wazi uYobhi nguye ngaphezu koThixo. UYehova wamyeka uSathana ukuba ohluthe ubutyebi bukaYobhi, abulale abantwana bakhe, aze amthwaxe nangesifo. * Ekuhambeni kwexesha yazicacela into yokuba uYehova wayenyanisile ngoYobhi, wavela noSathana ukuba ulixoki. UThixo wamsikelela uYobhi ngokuthembeka kwakhe.—Yobhi 1:6-12; 2:1-7.

Xa uYehova wayethetha noSathana, ngaba wayethetha nengcinga embi engaphakathi kuye? IBhayibhile ithi: “Igqibelele indlela yakhe [uThixo oyinyaniso].” (2 Samuweli 22:31) ILizwi likaThixo liphinda lithi: “Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova uThixo, uSomandla.” (ISityhilelo 4:8) Ukuba ngcwele kuthetha ukuba nyulu nokungabi nasono. UYehova ufezekile yaye akanasiphako. Ngeliphandle, akanalo nechaphaza lobubi.

Ingxoxo phakathi koThixo noSathana yamchaphazela ngokoqobo uYobhi

Abanye basenokuthi akuzange kubekho kwamntu unguYobhi, kwaye naloo ngxoxo yintsomi nje. Kodwa ngaba iyavakala loo nto? Zikho nezinye iivesi zeBhayibhile ezingqina ukuba uYobhi wayengumntu wokwenene. Ngokomzekelo, kuYakobi 5:7-11, kusetyenziswa uYobhi njengomzekelo onokunceda amaKristu ukuze anyamezele ngamaxesha anzima, nokuba uYehova uyabasikelela abo banyamezelayo. Ukuba uYobhi wayengengomntu wokwenene nebali lakhe lokuthwaxwa nguSathana liyintsomi, ngaba lo mzekelo wawuza kuwanceda? Ukongezelela koko, kuHezekile 14:14, 20 kuthethwa ngoYobhi, uNowa noDaniyeli njengamadoda amathathu alungileyo. NjengoNowa noDaniyeli, uYobhi wayengumntu wokwenene, indoda enokholo. Ukuba ke uYobhi wayengumntu wokwenene, akungebi ke nomhlaseli wakhe ngumntu wokwenene?

Kucacile ukuba iBhayibhile ithi uSathana ngumntu womoya wokwenene. Usenokuba uyazibuza, ‘Ngaba anganobungozi kum nentsapho yam kule mihla siphila kuyo?’

KUTHEKANI KE NGALE MIHLA YETHU?

Masithi kufika igquba lootsotsi kwindawo ohlala kuyo. Kucacile ukuba ungaziva ungakhuselekanga ibe nobubi bunganda. Ngendlela efanayo, uSathana needemon zakhe, eziye nazo zavukela uThixo, baye baphoselwa emhlabeni. Kwakuza kwenzeka ntoni? Ukuze uphenduleke, khawucinge ngezinto ozivayo ezindabeni ezenzeka kwindawo ohlala kuyo, nasemhlabeni wonke:

  • Uyakubona na ukwanda kobundlobongela obungaqhelekanga, obunganqandekiyo nokuba kuzanywa kangakanani ukubuphelisa?

  • Uyayibona na indlela ekuxhaphake ngayo ukusebenzelana nemimoya emdaka kwizinto zokuzonwabisa, nakuba abazali bengayifuni loo nto?

  • Uyayibona na indlela owonakaliswa ngayo umhlaba, nakuba kukho abantu abalwela ukuba ungonakaliswa?

  • Awuqapheli na ukuba kukho undonakele kwindlela abantu abenza ngayo izinto—ngokungathi kukho into ebadudulela entshabalalweni?

Yiva ukuba iBhayibhile ithi ngubani unobangela walo mbhodamo: “Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana, lowo ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela; waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye. . . . Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.” (ISityhilelo 12:9, 12) Emva kokuhlolisisa ubungqina, abantu abaninzi baye baqonda ukuba uSathana ungumntu womoya onobungozi, yaye nguye unobangela weengxaki ezikhoyo emhlabeni.

Usenokuba uyazibuza ukuba ungakhuseleka njani. Ngumbuzo osengqiqweni lowo. Inqaku elilandelayo liza kukunika amacebiso aluncedo.

^ isiqe. 12 UYehova ligama likaThixo eliseBhayibhileni.