Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI LOBOMI

Ndifumana Into Entle Ngaphezu Kobunewunewu

Ndifumana Into Entle Ngaphezu Kobunewunewu

Kubusuku nje obunye ngo-1984 ndazigqibela ndiyintwazana nje eqhelekileyo, ngokuqhwanyaza kweliso, ndazibona sendingumntu odumileyo. Ndathweswa isitshaba sokuba yeyona mbelukazi intle eHong Kong. Ndandikwiimagazini namaphepha-ndaba. Ndaba yimvumi, umdanisi, isithethi, ndinenkqubo kwiTV, ndinxiba kakuhle, ndihamba nabant’ abaphezulu, njengomlawuli waseHong Kong.

Kunyaka olandelayo ndaqalisa ukuba kwiimuvi, amaxesha amaninzi ndingoyena mdlali uphambili. Iintatheli zazindifuna ngapha nangapha, zindifota, ndimenywa kwizihika-hika zamatheko naxa kuvulwa izakhiwo ezibalulekileyo. Kwakuxhwithwana ngam.

Ndikwimuvi enobundlobongela

Ekuhambeni kwexesha, ndabona ukuba obu bomi abuyiyo le nto ndandicinga ukuba buyiyo. Ubukhulu becala ndandisiba kwiimuvi ezinobundlobongela, ibe loo nto yayibeka ubomi bam esichengeni. Kwiimuvi zaseHong Kong kwakungafane kuqashwe abantu bokudlala iindawo ezinobungozi ukuze thina badlali sikhuseleke njengakwiimuvi zaseHollywood, ngenxa yoko kwakufuneka ndenze izinto ezindibeka esichengeni, njengokutsiba imoto ngesithuthuthu. Uninzi lweemuvi endandikuzo zazinamanyala nobundlobongela. Kwezinye kwakusenziwa izinto ezinobudemoni.

Ngo-1995 ndatshata nendoda eyenza iimuvi. Nangona ndandibonakala ndinento yonke, ubunewu-newu, ubutyebi, nomyeni ondithandayo, ndandingonwabanga. Ndabona ukuba mandiyeke ukuba ngumdlali kwiimuvi.

NDAKHUMBULA INKONZO YOBUTSHA BAM

Ndaqalisa ukukhumbula indlela endandimthanda ngayo uThixo ndisakhula. Ngezo ntsuku, mna nodade wethu sasihlala sisidla ngokuya kwintsapho engamaNgqina kaYehova qho ngeMigqibelo. Utat’ uJoe McGrath wayedla ngokusifundisa iBhayibhile neentombi zakhe ezintathu. Intsapho yabo yayinothando, inobubele, ibe utat’ uJoe wayeyiphatha ngentlonelo inkosikazi nabantwana bakhe. Ndandikuthanda ukuya nayo kwiintlanganiso zamaKristu. Ngamany’ amaxesha sasisiya kwiindibano ezinkulu. Kwakumnandi ngezo ntsuku. Ndandiziva ndikhuselekile phakathi kwamaNgqina.

Isimanga kukuba izinto ezibuhlungu zazindehlela ekhaya. Indlela awayeziphethe ngayo utata yayimxhela umama, ibe wayehlala edandathekile. Xa ndandineminyaka elishumi, umama wayiphelisa yonk’ into eyayimdibanisa namaNgqina kaYehova. Ndaqhubeka, nangona ndandingazinikelanga ngokupheleleyo, ndada ndabhaptizwa ndineminyaka eyi-17. Kodwa kungekudala emva koko, ndaqalisa ukwenza izinto angamele azenze amaKristu, ndaza andakwazi ukuqhubeka ndisebandleni.

NDAGQIBA KWELOKUBA NDIBUYELE

Kungekudala emva kokuba nditshatile, ndaza kubonwa ngabadala ababini abangamaNgqina kaYehova kwindawo esasihlala kuyo. Bandichazela ngendlela endinokubuyela ngayo kuYehova uThixo, baza bacela noCindy ongumthunywa wevangeli ukuba andincede. Ngeli xesha ukholo lwam lwalusele lubuthathaka gqitha, ngenxa yoko ndamcela ukuba andibonise ubungqina bokuba ngokwenene iBhayibhile iliLizwi likaThixo. Wandibonisa imizekelo yeziprofeto zeBhayibhile esele zizalisekile. Ngokuya kuhamba ixesha saye sisiba ngabahlobo bokwenene, ngoko ke wacela ukuba sifunde sobabini iimfundiso ezisisiseko eziseBhayibhileni. Ndavuma. Okokuqala ngqa ebomini bam, ndatsho ndabona ukuba uYehova nguThixo oluthando, ofuna ndonwabe.

Xa ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaKristu kwakhona, ndafumanisa ukuba ndonwaba ngakumbi xa ndihleli namaNgqina kunaxa ndihleli nabantu abenza iimuvi. Kodwa ingxaki yaba kukuba izinto ezandehlela ndisakhula zandenza andakwazi kuthemba mntu, ibe nam ndandingazithandi. Ndancedwa ngomnye udade owandibonisa eBhayibhileni indlela yokumelana nale ngxaki, ibe ndafunda nokuba nabahlobo bokwenene.

INTO ENGCONO KUNOBUNEWUNEWU

Ngo-1997 mna nomyeni wam safudukela eHollywood, eKhalifoniya, eMerika. Kulapho ke ndazinikela ngakumbi ekuncedeni abanye bafunde kubulumko obuseLizwini likaThixo. Ukufundisa abantu iBhayibhile kwandonwabisa ngaphezulu lee kunobunewunewu obuza nokuba ngoyena uphambili kwiimuvi. Ngokomzekelo, ngo-2002 ndadibana noCheri endandimazela eHong Kong. Ubomi bethu babufana ngeendlela ezininzi. Naye wayethweswe isitshaba sokuba yeyona mbelukazi intle eHong Kong ngo-1983. Kangangokuba yayinguye owandithwalisa isitshaba sokuba ngunobuhle ngo-1984. Naye wayedlala kwiimuvi, ibe kamva waba ngumenzi wazo, esebenza nabalathisi beemuvi abadumileyo. Ngoku naye wayehlala eHollywood.

Ndamvela kakhulu uCheri xa isoka lakhe lamelwa yintliziyo. Wayengafumani ntuthuzelo kunqulo lwakhe lobuBhuda. Njengam, naye wayephila ubomi bobunewunewu obuthandwa ngabantu abaninzi, kodwa wayehlala edandathekile futhi engathembi mntu. Ndaqalisa ukumbalisela ngezinto endizifunde eBhayibhileni, kodwa kwakunzima ukuba azikholelwe kuba engumBhuda.

Umhlobo wam uCheri kwindawo ekwenziwa kuyo imuvi

Ngenye imini ngo-2003, uCheri wandifowunela evuya eseVancouver, eKhanada, apho wayesenza khona imuvi. Wandixelela ukuba uthe eqhuba, ebuka iindawo ezintle zalapho, wazibona sele ethandaza ngokuvakalayo esithi: “Ndixelele, ngubani uThixo wokwenene? Ungubani igama lakho?” Ngelo xesha kanye, wadlula ecaleni kweHolo YoBukumkani waza wabona igama elithi Yehova. Wayibona iyimpendulo yombuzo wakhe leyo, waza wafuna ukudibana namaNgqina kaYehova ngoko nangoko. Ndenza amalungiselelo okuba aye kwintlanganiso, ibe emva kweentsuku nje ezimbalwa, waya kwibandla ekuthethwa kulo isiTshayina eVancouver.

UCheri wathi kamva, “aba bantu bandithanda nyhani, abazenzisi. Ndiyakwazi ukubaxelela indlela endivakalelwa ngayo.” Ndonwaba xa ndisiva loo nto kuba wayengenabahlobo ngoxa wayesebenza kwiimuvi. UCheri waqhubeka esiya kwiintlanganiso. Kodwa ngo-2005 wafumana umsebenzi wokwenza iimuvi ezimbini ezinkulu eTshayina, kwanyanzeleka ke ukuba abuyele eHong Kong. Okuvuyisayo kukuba ngo-2006, uCheri wanikela ubomi bakhe kuYehova, waza wabhaptizwa kwindibano yamaNgqina eHong Kong. Nangona wayefuna ukumsebenzela ngakumbi uYehova, umsebenzi wakhe wokwenza iimuvi wakwenza kwanzima oku, loo nto yamenza akonwaba kwaphela.

UVUYO OLUZA NOKUNCEDA ABANYE

Ngo-2009 ubomi bukaCheri batshintsha. Wagqiba kwelokuba awuyeke umsebenzi weemuvi, ukuze anqule uYehova ngakumbi. Waba nabahlobo abaninzi abatsha kwibandla lamaKristu. Waqalisa ukufundisa abantu iindaba ezilungileyo zoBukumkani ixesha elizeleyo, ibe wayekuthanda gqitha ukunceda abantu baphucule ubomi babo.—Mateyu 24:14.

Emva koko uCheri wafunda isiNepali ukuze ancedise iqela elikhulayo lamaNgqina athetha olo lwimi eHong Kong. Ndimele ndinixelele ke nokuba amaNepali la ngabantu abajongelwa phantsi kuba engasithethi kakuhle isiNgesi nesiTshayina, nangenxa yokuba izithethe zawo zingaqhelekanga. UCheri wandibalisela indlela ekumvuyisa ngayo ukunceda aba bantu bafunde iBhayibhile. Ngokomzekelo, ngenye imini xa wayefundisa abantu iBhayibhile ezindlini zabo wadibana nomfazi ongumNepali owayenolwazana nje ngoYesu, kodwa engazi nowathwethwa ngoThixo wokwenene uYehova. Wambonisa eBhayibhileni ukuba uYesu wayethandaza kuYise osezulwini. Xa lo mfazi wafumanisa ukuba angathandaza kuThixo wokwenene, ogama linguYehova, wazamkela iindaba ezilungileyo. Kungekudala, umyeni walo mfazi nentombi yakhe baqalisa ukufunda iBhayibhile.—INdumiso 83:18; Luka 22:41, 42.

UCheri ngoku

Xa ndabona indlela ekumvuyisa ngayo uCheri ukufundisa abantu iBhayibhile ixesha elizeleyo, ndazibuza ukuba, ‘mna ndilinde ntoni?’ Ngelo xesha nam ndandisele ndibuyele eHong Kong. Ndagqiba kwelokuba ndilungelelanise ubomi bam ukuze ndandise ixesha endifundisa ngalo abantu inyaniso eseBhayibhileni. Ndafumanisa ukuba ukuphulaphula abantu, nokubanceda baqonde iLizwi likaThixo iBhayibhile kundenza ndonwabe ngeyona ndlela.

Ndafumanisa ukuba ukunceda abantu baqonde iLizwi likaThixo iBhayibhile kundenza ndonwabe ngeyona ndlela.

Ngokomzekelo, ndanceda nenye inkosikazi eyinzalelwane yaseVietnam eyayisoloko ixhelekile, iinyembezana. Ngoku ihlala yonwabile ibe iyakuthanda nokuya ebandleni.

Ngoku, sobabini noCheri sifumene into intle lee kunobunewunewu. Nakuba kwakumnandi ukusebenza kwiimuvi futhi kusenze saduma, ukufundisa abantu ngoYehova uThixo kusenze sonwaba ngakumbi kuba kuyamzukisa. Sivele ngokwethu indlela ayinyani ngayo amazwi kaYesu athi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35.