Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 14

UThixo Usebenzisa Abaprofeti Bakhe

UThixo Usebenzisa Abaprofeti Bakhe

UYehova umisela abaprofeti ukuze badlulisele izigidimi zakhe ngokuphathelele umgwebo, unqulo olunyulu nethemba lokufika kukaMesiya

XA KWAKULAWULA ookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda, uThixo wasebenzisa iqela elikhethekileyo lamadoda ukudlulisela izigidimi zakhe—abaprofeti. La yayingamadoda anokholo nenkalipho ebalaseleyo awayedlulisela izigidimi zikaThixo. Qwalasela izigidimi ezine ezadluliselwa ngabaprofeti bakaThixo.

1. Ukutshatyalaliswa kweYerusalem. Kwakude kudala abaprofeti bakaThixo—ingakumbi uIsaya noYeremiya—balumkisa abantu besithi iYerusalem yayiza kutshatyalaliswa ize ishiywe iyinkangala. Basichaza ngokucacileyo isizathu sokuba uThixo abe nomsindo nxamnye nabo. Abantu beso sixeko bangqineka bexoka kwibango labo lokuba babemela uYehova kuba babebandakanyeke kunqulo lobuxoki, bonakele yaye benogonyamelo.—2 Kumkani 21:10-15; Isaya 3:1-8, 16-26; Yeremiya 2:1–3:13.

2. Ukubuyiselwa konqulo olunyulu. Emva kokuthinjwa iminyaka engama-70, abantu bakaThixo babeza kukhululwa eBhabhiloni. Babeza kubuyela kwilizwe labo eliyinkangala baze bayakhe ngokutsha itempile kaYehova eYerusalem. (Yeremiya 46:27; Amosi 9:13-15) Kusasele iminyaka emalunga nama-200, uIsaya wathi nguKoreshi owayeza koyisa iBhabhiloni aze akhulule abantu bakaThixo babuyisele unqulo olunyulu. Wade wayichaza ngokweenkcukacha indlela awayeza koyisa ngayo edabini.—Isaya 44:24–45:3.

3. Ukufika kukaMesiya nezinto ezamehlelayo. UMesiya wayeza kuzalelwa eBhetelehem. (Mika 5:2) Wayeza kuthobeka, angene eYerusalem ehamba nge-esile. (Zekariya 9:9) Nangona wayethantamisa yaye enobubele, wayengazi kuthandwa, yaye abaninzi babeza kumgatya. (Isaya 42:1-3; 53:1, 3) Wayeza kufa kabuhlungu. Ngaba esi yayiza kuba sisiphelo sakhe? Akunjalo, kuba ngedini lakhe abantu abaninzi babeza kuxolelwa izono. (Isaya 53:4, 5, 9-12) Kukuvuswa kwakhe ekufeni kuphela okwakuza kufeza oku.

4. Ukulawula kukaMesiya emhlabeni. Abantu abangafezekanga abakwazi ukuzilawula ngoxolo, kodwa uKumkani onguMesiya kuya kuthiwa yiNkosana yoXolo. (Isaya 9:6, 7; Yeremiya 10:23) Kulawulo lwakhe bonke abantu nezilwanyana ziya kuba seluxolweni. (Isaya 11:3-7) Ukugula kuya kuphela. (Isaya 33:24) Nokufa kuza kupheliswa ngonaphakade. (Isaya 25:8) Ngelo xesha abantu abafileyo baza kuvuselwa emhlabeni.—Daniyeli 12:13.

—Oku kusekelwe kwincwadi kaIsaya, kaYeremiya, kaDaniyeli, ka-Amosi, kaMika nekaZekariya.