Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IziNto Ezirongo

IziNto Ezirongo

Zeziphi izinto ezirongo amaKristu afanele aphephe ukuzenza?

Amazwi ahlabayo

Mat 5:22; 1Ko 6:9, 10; Efe 4:31

Jonga neEks 22:28; INt 10:20; Yude 8

Iipati ezingalawulekiyo

Rom 13:13; Gal 5:19, 21; 1Pe 4:3

Jonga neMi 20:1; 1Ko 10:31

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Dan 5:1-4, 30—‘Kwitheko elikhulu’ likaKumkani uBheleshatsare kuselwa kakhulu kudelelwe noYehova, lize liphele ngaye ebulawa

Iphonografi

Jonga umxholo othi “IPhonografi

Ukhuphiswano; usukuzwano

INt 4:4; Gal 5:26

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mar 9:33-37; 10:35-45—UYesu umane elungisa abapostile bakhe ngenxa yokukhuphisana kwabo ngokufuna izikhundla

    • 3Yo 9, 10—UDiyotrefe, ‘uthanda ukuzigqatsa’ phakathi kwabazalwana

Ukuba

Jonga umxholo othi “UkuBa

Ukuba lidla-kudla

Ukubangela uqhekeko; ukukhuthaza ukuba kubekho amaqela

Ukubulala

Eks 20:13; Mat 15:19; 1Pe 4:15

Jonga noMat 5:21, 22; Mar 7:21

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 4:4-16—Nangona uYehova emnqanda ngothando, uKayin ubulala umntakwabo olilungisa uAbheli

    • 1Ku 21:1-26; 2Ku 9:26—Ngenxa yokunyoluka, uKumkani uAhabhi noKumkanikazi uIzebhele abangalunganga babulalisa uNabhoti noonyana bakhe

Ukugculela

IMi 19:29; 24:9

Jonga neMi 17:5; 22:10; 2Pe 3:3, 4

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 36:15-21—Abantu bakaThixo bafumana isohlwayo esiqatha ngenxa yokugculela abathunywa bakhe nokuhlekisa ngabaprofeti bakhe

    • Yob 12:4; 17:2; 21:3; 34:7—Ngexesha lesilingo esinzima, uYobhi olilungisa uyagculelwa

Ukugrogrisa

Efe 6:9; 1Pe 2:23

Jonga neNd 10:4, 7; 73:3, 8

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • IZe 4:15-21—ISanhedrin igrogrisa abafundi bakaYesu kuba izama ukubayekisa ukwenza umsebenzi wokushumayela

Ukukhalaza

1Ko 10:10; Fil 2:14; Yude 16

Jonga neNum 11:1

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Num 14:1-11, 26-30—AmaSirayeli akhalazela uMoses noAron, kodwa loo nto uYehova uyithatha ngokuba akhalazela Yena

    • Yoh 6:41-69—AmaYuda akhalazela uYesu; amanye ayamlahla

Ukulisebenzisa kakubi igazi

Gen 9:4; Dut 12:16, 23; IZe 15:28, 29

Jonga neLev 3:17; 7:26

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • 1Sa 14:32-34—AmaSirayeli ona uYehova ngokutya inyama engophiswanga kakuhle

Ukulwa; ubundlobongela

Nd 11:5; IMi 3:31; 29:22

Jonga no-1Ti 3:2, 3; Tit 1:7

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Eks 21:22-27—UMthetho KaMoses ufuna ukuba ohlwaywe amadoda aye enzakalisa okanye abulala umntu ngobundlobongela

Ukungabi nanyani; ukuqhatha abantu

Jonga umxholo othi “UkuXoka

Ukunqula izithixo

Jonga umxholo othi “UkuNqula Izithixo

Ukunxila; ukusela kakhulu

IMi 20:1; 23:20, 29-35; 1Ko 5:11; 6:9, 10

Jonga namaEfe 5:18; 1Ti 3:8; Tit 2:3; 1Pe 4:3

Jonga nomxholo othi “UkuSela

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 9:20-25—UNowa uyanxila, aze uHam nonyana wakhe uKanan benze isono esinzulu

    • Dan 5:1-6, 30—Xa uKumkani uBheleshatsare enxilile, akamboneli ntweni uYehova, ezibizela intlekele nesiphelo sobukumkani bakhe

Ukuqhayisa

Jonga umxholo othi “UkuQhayisa

Ukuthetha izinto ezimdaka okanye ukuqhula ngezinto ezingcolileyo

Ukutsotsa

Nd 62:10; 1Ko 5:10, 11; 6:9, 10

Jonga neMi 1:19; 15:27

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yer 22:11-17—UYehova unika uKumkani uShalum (uYehowahazi) isigwebo ngenxa yokutsotsa nokwenza ezinye izono ezinzulu

    • Luk 19:2, 8—UZakeyu, umphathi wabaqokeleli berhafu, uyaguquka kwisono sakhe sokutsotsa aze athembise ukubabhatala abantu abaqhathileyo

    • IZe 24:26, 27—Umpostile uPawulos zange amnike uMlawuli uFeliks isinyobo awayesilindele

Ukuxabana

Jonga umxholo othi “UkuXabana

Ukuxoka; ukungcolisa amagama abantu

Jonga umxholo othi “UkuXoka

Ukuziphatha ngokungenazintloni; ukungcola; ukukrexeza

Jonga umxholo othi “UkuziPhatha Kakubi Ngokwesondo

Ukuzithandisa; ukuzicengezela

Yob 32:21, 22; Nd 5:9; 12:2, 3; IMi 26:24-28; 29:5

Jonga neMi 28:23; 1Te 2:3-6

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Luk 18:18, 19—UYesu akavumi ukubizwa ngendlela yokuzicengezela

    • IZe 12:21-23—UKumkani uHerode Agripa uvumela abantu abazithandisayo ukuba bambize ngokuba nguthixo; uyabulawa ngenxa yesono sakhe

Ukwamkela isinyobo okanye ukunyoba

Eks 23:8; Nd 26:9, 10; IMi 17:23

Jonga neDut 10:17; 16:19; Nd 15:1, 5

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 8:1-5—Endaweni yokuba bafane notata wabo olungileyo, oonyana bakamprofeti uSamuweli bavuma ukunyotywa baze bagqwethe ubulungisa

    • Neh 6:10-13—UShemaya uthengwa ziintshaba ukuba aprofete ubuxoki ukuze zoyikise uMlawuli uNehemiya zicothise nomsebenzi kaYehova

Ulwimi; ukugxuphuleka kwiindaba zabantu