Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OoTata

OoTata

Yintoni imisebenzi katata?

Dut 6:6, 7; Efe 6:4; 1Ti 5:8; Heb 12:9, 10

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 22:2; 24:1-4—UAbraham umthanda kakhulu uIsake futhi uzama ngamandla akhe onke ukuba unyana wakhe amthandayo atshate umkhonzi kaYehova

    • Mat 13:55; Mar 6:3—UYesu ubizwa ngokuba ‘ngunyana womchweli’ nangokuba “ngumchweli”; sinokuthi uYosefu wafundisa unyana wakhe obo buchule busebenzisekayo

Kutheni utata efanele athandwe futhi ahlonitshwe?

Eks 20:12

Jonga noMat 6:9

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Hos 11:1, 4—UYehova ubonisa indlela abaxabisa nabahlonipha ngayo ootata abangabantu ngendlela Yena enza ngayo njengoTata. Uyabafundisa futhi uyabakhathalela abantu bakhe, kanye le nto yenziwa ngutata ongumntu ebantwaneni bakhe

    • Luk 15:11-32—UYesu ubonisa indlela abaxabisa nabahlonipha ngayo ootata abangabantu ngokwenza lo mzekeliso ofundisa ukuba uYehova nguTata obaxolelayo abantu abonileyo baza baguquka