UkuLungiswa
Ukucetyiswa
Kutheni sifanele sikhangele amacebiso asekelwe eBhayibhileni?
Kutheni kubhetele ukumamela xa ulungiswa kunokuzithethelela?
Jonga neMi 1:23-31; 15:31
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
1Sa 15:3, 9-23—Xa umprofeti uSamuweli elungisa uSawule, lo kumkani uyazithethelela aze angakwamkeli ukulungiswa; loo nto imenza alahlwe nguYehova
-
2Kr 25:14-16, 27—UKumkani uAmatsiya uyona aze angakwamkeli ukulungiswa ngumprofeti kaYehova, ngoko uYehova uyayeka ukumthanda nokumkhusela
-
Kutheni sifanele sibahloniphe abaveleli, abanjengabadala, xa besilungisa?
1Te 5:12; 1Ti 5:17; Heb 13:7, 17
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
3Yo 9, 10—Umpostile uYohane osele ekhulile uyamgxeka uDiyotrefe ngokungabahloniphi abazalwana abakhokelayo kwibandla lamaKristu
-
Kutheni sifanele sibamamele abantu abadala?
Jonga noYob 12:12; 32:7; Tit 2:3-5
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
1Sa 19:2-3; 1Sa 23:16-18—UKumkani uDavide uyalimamela icebiso likaYonatan, omdala ngeminyaka emalunga neyi-30 kunaye, futhi liyamqinisa
-
1Ku 12:1-17—UKumkani uRehobhoham akalamkeli icebiso elilungileyo lamadoda amakhulu aze amamele icebiso elikhohlakeleyo labafana, elibangela intlekele
-
Yintoni ebonisa ukuba amabhinqa athembekileyo kuYehova nabakhonzi bakhe abaselula bangakwazi ukunika amacebiso amahle?
Yob 32:6, 9, 10; IMi 31:1, 10, 26; INt 4:13
Jonga neNd 119:100
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
1Sa 25:14-35—UAbhigali unika uKumkani uDavide icebiso elisindisa ubomi babantu abaninzi nelimkhuselayo kwityala legazi
-
2Sa 20:15-22—Umfazi olumkileyo waseAbheli usindisa isixeko sonke ngecebiso lakhe
-
2Ku 5:1-14—Intombazana encinci engumSirayeli iza necebiso elichaza indlela ikroti elinamandla elinokuphiliswa ngayo kwiqhenqa
-
Kutheni singafanelanga siwamamele amacebiso abantu abangamhloniphiyo uYehova okanye iLizwi lakhe?
Jonga noLuk 6:39
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
1Kr 10:13, 14—UKumkani uSawule ubuza egqirheni kunokuba abuze kuYehova aze afe ngenxa yokungathembeki
-
2Kr 22:2-5, 9—UKumkani uAhaziya ukhetha ukumamela abacebisi abarongo, ize loo nto imbulalise
-
Yob 21:7, 14-16—UYobhi akavumi kucinga njengabantu abangamhloniphiyo uYehova
-
Ukucebisa
Kutheni kubhetele ukumamela, ukufumana zonke iinkcukacha, nokuva amacala omabini ngaphambi kokucebisa?
Jonga neMi 25:8
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
1Sa 1:9-16—UMbingeleli Omkhulu uEli ulungisa uHana qatha ngaphambi kokuba afumane zonke iinkcukacha, ecingela ukuba lo mfazi othembekileyo kuYehova unxilile
-
Mat 16:21-23—Kuba umpostile uPetros engazazi zonke iinkcukacha, unika uYesu icebiso eliza kubangela ukuba kwenzeke into efunwa nguSathana, hayi efunwa nguYehova
-
Kutheni sifanele sithandazele ukukhokelwa nguYehova ngaphambi kokulungisa umntu?
Nd 32:8; 73:23, 24; IMi 3:5, 6
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Eks 3:13-18—Umprofeti uMoses ubuza kuYehova indlela ebhetele anokuphendula ngayo imibuzo anokuba nayo amaSirayeli
-
1Ku 3:5-12—UKumkani uSolomon ucela ubulumko kuYehova kunokuba azithembe ngokwakhe, aze uYehova amsikelele ngenxa yaloo nto
-
Kutheni sifanele siqiniseke ukuba sisoloko sicebisa futhi siphendula sisebenzisa iLizwi LikaThixo?
Nd 119:24, 105; IMi 19:21; 2Ti 3:16, 17
Jonga neDut 17:18-20
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Mat 4:1-11—UYesu uphendula izilingo zikaSathana ngeLizwi LikaThixo, hayi ngobulumko bakhe
-
Yoh 12:49, 50—UYesu uchaza ukuba usoloko efundisa izinto azifundiswe nguTata wakhe, nto leyo esifanele siyilinganise nathi
-
Kutheni sifanele sizame ukumlungisa ngomoya ozolileyo nokukhangela into esinokumncoma ngayo umntu?
Jonga noIsa 9:6; 42:1-3; Mat 11:28, 29
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
2Kr 19:2, 3—UYehova ulungisa uKumkani uYehoshafati esebenzisa umprofeti, kodwa uyamncoma ngento entle ayenzileyo
-
ISi 2:1-4, 8, 9, 12-14, 18-20—UYesu uncoma amabandla aliqela ngaphambi kokuba athethe amazwi okuwalungisa
-
Ukuba umKristu uza kuthi ekhalazela ukuba woniwe ngomnye umKristu, mhlawumbi uthi umenzele ubuqhetseba okanye ungcolise igama lakhe, kutheni kubhetele ukumkhuthaza ukuba ayithethe naloo mKristu umonileyo le ngxaki bebobabini?
Jonga neLev 19:17
UmKristu ovakalelwa kukuba woniwe sinokumkhuthaza njani ukuba abe nenceba, umonde futhi axolele?
Mat 18:21, 22; Mar 11:25; Luk 6:36; Efe 4:32; Kol 3:13
Jonga noMat 6:14; 1Ko 6:1-8; 1Pe 3:8, 9
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
Mat 18:23-35—UYesu wenza umzekeliso omhle kakhulu ecacisa ukuba kutheni kubaluleke kakhulu ukuba sixolele
-
Kutheni kufuneka siyimele ngokuqinileyo into elungileyo xa silungisa umntu?
Nd 141:5; IMi 17:10; 2Ko 7:8-11
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
1Sa 15:23-29—Umprofeti uSamuweli akoyikiswa nguKumkani uSawule
-
1Ku 22:19-28—Umprofeti uMikaya akavumi ukutshintsha umyalezo wakhe kuKumkani uAhabhi, nangona esoyikiswa futhi ephethwe gadalala
-
Sinokumlungisa njani umntu ngaphandle kokuphazamisa ubuhlobo bakhe noYehova?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Luk 22:31-34—UYesu uchaza indlela amthembe ngayo umpostile uPetros ukuba, nangona enze iimpazamo, uza kukwazi ukuqinisa abanye
-
Flm 21—Umpostile uPawulos uchaza indlela amthembe ngayo uFilemon ukuba uza kulisebenzisa icebiso elihambelana nokuthanda kukaThixo
-
Sinokuba nobubele njani xa silungisa abantu abakhathazekileyo okanye abatyhafileyo?
Sinokuyenza ibonakale njani into yokuba injongo yethu kukumnceda nokumbuyisela endleleni umntu owonileyo?
Sinokumphatha ngesidima njani umntu esimfundisayo, noba ungakanani kuthi ngeminyaka okanye ngowesiphi isini?
Kutheni abalusi bebandla besiqinisa isandla emntwini ongalimameliyo ngokuphindaphindiweyo icebiso leZibhalo?