UYehova
Igama lakhe
Igama elithi Yehova laziwa lithetha ukuba “Ubangela Kubekho”
UYehova uzibangela abe yintoni, okanye enze ntoni, ukuze akhathalele abakhonzi bakhe?
Kutheni ukungcwaliswa kwegama likaThixo iyeyona nto ibalulekileyo?
Kutheni uYehova, Umlawuli Ophakamileyo Kwindalo Yonke, efanelwe kukuba simthobele?
Ezinye izibizo zikaYehova
UKumkani kanaphakade—1Ti 1:17; ISi 15:3
ULiwa—Dut 32:4; Isa 26:4
UMyaleli Ozukileyo—Isa 30:20
INkosi enguMongami—Isa 25:8; Amo 3:7
Oyena Uphakamileyo—Gen 14:18-22; Nd 7:17; Heb 1:3; 8:1
USomandla—Gen 17:1; ISi 19:6
UTata—Mat 6:9; Yoh 5:21
UYehova wemikhosi—1Sa 1:11
Ezinye iimpawu zikaYehova eziphuma phambili
UYehova ubenza bucace njani ubungcwele bakhe, futhi ukwazi ukuba ungcwele kufanele kubenze bafune ukwenza ntoni abakhonzi bakhe?
Eks 28:36; Lev 19:2; 2Ko 7:1; 1Pe 1:13-16
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Isa 6:1-8—Umprofeti uIsaya uziva engafaneleki emva kokubona umbono ocacisa indlela uYehova angcwele ngayo, kodwa iserafi iyamkhumbuza ukuba nabantu abanesono bangakwazi ukucoceka kuThixo
-
Rom 6:12-23; 12:1, 2—Umpostile uPawulos ucacisa ukuba singakwazi ukulwa nokwenza isono size siphile ‘ubomi obucocekileyo’
-
Makhulu kangakanani amandla kaYehova, futhi zeziphi ezinye iindlela awasebenzisa ngazo?
Eks 15:3-6; 2Kr 16:9; Isa 40:22, 25, 26, 28-31
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Dut 8:12-18—Umprofeti uMoses ukhumbuza abantu ukuba zonke izinto ezintle abanazo bazifumene kuYehova ngenxa yokusebenzisa amandla Akhe ukuze abasikelele
-
1Ku 19:9-14—UYehova usebenzisa amandla akhe ngeendlela ezimangalisayo ukuze akhuthaze umprofeti wakhe okhathazekileyo, uEliya
-
Kutheni ubulungisa bukaYehova ibobona bulungisa bubhetele?
Dut 32:4; Yob 34:10; 37:23; Nd 37:28; Isa 33:22
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Dut 24:16-22—UMthetho KaMoses ubonisa ukuba ubulungisa bukaYehova bukhatshwa yinceba nothando lwakhe
-
2Kr 19:4-7—UKumkani uYehoshafati ukhumbuza iijaji azimiselayo ukuba zimela ubulungisa bukaYehova, hayi obabantu
-
Yintoni ebonisa ukuba uYehova akanantanga ngokuba sisilumko?
Nd 104:24; IMi 2:1-8; Yer 10:12; Rom 11:33; 16:27
Jonga neNd 139:14; Yer 17:10
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
1Ku 4:29-34—UYehova usikelela uKumkani uSolomon ngobulumko obungaphezu kwabo bonke obabantu abaphila ngexesha lakhe
-
Luk 11:31; Yoh 7:14-18—UYesu ulumke ngaphezu koSolomon, kodwa uyaqonda ukuba ubulumko bakhe buvela kuYehova
-
UYehova ubonisa njani ukuba uthando lolona phawu lwakhe lukhulu?
Yoh 3:16; Rom 8:32; 1Yo 4:8-10, 19
Jonga noZef 3:17; Yoh 3:35
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Mat 10:29-31—UYesu uzekelisa ngeentaka ezincinci indlela uYehova amthanda namxabisa ngayo umkhonzi Wakhe ngamnye
-
Mar 1:9-11—UYehova uthetha noNyana wakhe esezulwini, emxelela ukuba uyamthanda futhi uyazidla ngokuba nguTata wakhe, into edinga ukuviwa ngabo bonke abantwana kumzali
-
Ziintoni ezinye izinto ezisisondeza kuYehova? IBhayibhile ibonisa ukuba uYehova uneempawu ezininzi ezithandekayo. Ezinye zazo kukuba:
Akatshintshi; unokuthenjwa—Mal 3:6; Yak 1:17
Ubona yonke into—2Kr 16:9; IMi 15:3
Nd 90:2; 93:2
Ukho ngonaphakade; akanasiqalo akanasiphelo—Ulilungisa—Nd 7:9
Unenceba—Eks 34:6
Unesidima esiphakamileyo—Nd 8:1; 148:13
Unobubele—Luk 6:35; Rom 2:4
Unomonde—Isa 30:18; 2Pe 3:9
Unovelwano—Isa 49:15; 63:9; Zek 2:8
Unoxolo—Fil 4:9
Uthanda ukupha—Nd 104:13-15; 145:16
Uthembekile—ISi 15:4
Uthobekile—Nd 18:35
Uzukile—ISi 4:1-6
Wonwabile—1Ti 1:11
Yintoni eza kwenzeka xa sisiya simazi bhetele uYehova uThixo?
Indlela yokukhonza uYehova
Yintoni ebonisa ukuba uYehova akalindelanga ukuba abakhonzi bakhe bamenzele into engaphezu kwamandla abo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Dut 30:11-14—UMthetho odluliselwa ngomprofeti uMoses awukho nzima kangangokuba amaSirayeli akanakuwuthobela
-
Mat 11:28-30—UYesu, ofana twatse noTata wakhe, uqinisekisa abalandeli bakhe ukuba uyiNkosi ehlaziyayo
-
Kutheni uYehova efanelwe kukudunyiswa sithi?
Jonga noYer 20:9; Luk 6:45; IZe 4:19, 20
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Nd 104:1, 2, 10-20, 33, 34—Umdumisi ubona izinto ezininzi kwindalo kaYehova ezimenza amculele emdumisa
-
Nd 148:1-14—Izinto ezidaliweyo neengelosi ziyamdumisa uYehova, nathi sifanele senze njalo
-
Indlela esiziphethe ngayo inokushumayela njani ngoYehova?
Jonga noYak 3:13
Kutheni sifanele sisondele kuYehova?
Ukuthobeka kusinceda njani sisondele kuThixo?
Ukufunda iBhayibhile nokucingisisa ngento esiyifunda kuyo kusinceda njani sisondele kuYehova?
Kutheni kubalulekile ukuba siyisebenzise into esiyifundayo ngoYehova?
Kutheni singafanelanga sizame ukumfihlela nantoni na uYehova?
Yob 34:22; IMi 28:13; Yer 23:24; 1Ti 5:24, 25
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
2Ku 5:20-27—UGehazi uzama ukufihla isono sakhe, kodwa uYehova wenza ukuba umprofeti Wakhe uElisha akwazi ukubona inyani
-
IZe 5:1-11—UAnaniyas noSafira bazama ukufihla isono sabo kodwa uYehova uyasiveza baze bohlwaywe ngenxa yokuxokisa umoya oyingcwele
-