Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIHLOMELO

Yintoni IShiyol NeHadesi?

Yintoni IShiyol NeHadesi?

KWIILWIMI eyayibhalwe ngazo ntlandlolo, iBhayibhile ilisebenzisa ngaphezu kwezihlandlo ezingama-70 igama lesiHebhere elithi sheʼohl′ nelesiGrike elithetha kwainto enye elithi hai′des. Omabini la magama abhekisela ekufeni. Ezinye iiBhayibhile ziwaguqulele ngokuthi “ingcwaba,” “isihogo,” okanye “umhadi.” Kodwa iilwimi ezininzi azinawo amagama ayichaza twatse intsingiselo yeli gama lesiHebhere nelesiGrike. Yona INguqulelo Yehlabathi Elitsha isebenzise igama elithi “iShiyol” nelithi “iHadesi.” Athetha ntoni kanye kanye la magama? Makhe sihlolisise indlela asetyenziswe ngayo kwiinxalenye ezahlukeneyo zeBhayibhile.

INtshumayeli 9:10 ithi: “Akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka eShiyol, kwindawo oya kuyo.” Ngaba oku kuthetha ukuba iShiyol ibhekisela kwindawo okanye ingcwaba elithile angcwatywe kulo umntu esimthandayo? Akunjalo. Xa iBhayibhile ibhekisela kwingcwaba elithile ngokukhethekileyo, isebenzisa amanye amagama esiHebhere nawesiGrike, kungekhona elithi sheʼohl′ nelithi hai′des. (Genesis 23:7-9; Mateyu 28:1) Kwakhona, iBhayibhile ayilisebenzisi igama elithi “Shiyol” xa ibhekisela kwingcwaba ekungcwatywe kulo abantu abaliqela, njengengcwaba lentsapho.—Genesis 49:30, 31.

Ngoko “iShiyol” yindawo enjani? ILizwi likaThixo libonisa ukuba “iShiyol,” okanye “iHadesi,” ibhekisela kwindawo enkulu kakhulu nakunengcwaba ekudityelwe kulo izidumbu ezininzi. Ngokomzekelo, uIsaya 5:14 uthi iShiyol ‘ibanzi nomlomo wayo iwuvule wabanzi ngaphaya kwemida.’ Nangona iShiyol sele iginye izihlwele ezingenakubalwa zabantu abafileyo, ibonakala isalambele abangakumbi. (IMizekeliso 30:15, 16) Nangona amangcwaba okoqobo enokwanela inani elithile labantu abafileyo, kodwa yona ‘iShiyol ayaneli.’ (IMizekeliso 27:20) Oko kukuthi, iShiyol ayizali. Ayinamida. Ngoko iShiyol, okanye iHadesi, asiyondawo yokoqobo ekummandla othile. Kunoko, ibhekisela kumangcwaba nje ngokubanzi; ifuzisela nje indawo abalala kuyo abantu ekufeni.

Imfundiso yeBhayibhile yovuko isichazela ngakumbi ngentsingiselo  ‘yeShiyol’ ‘neHadesi.’ ILizwi likaThixo libonisa ukuba abantu abafileyo abalele eShiyol naseHadesi banethemba lovuko. * (Yobhi 14:13; IZenzo 2:31; ISityhilelo 20:13) Kwakhona iLizwi likaThixo libonisa ukuba eShiyol, okanye eHadesi, akulalanga nje kuphela abo babekhonza uYehova, kodwa kukwakho nabaninzi ababengamkhonzi. (Genesis 37:35; INdumiso 55:15) Ngoko, iBhayibhile ifundisa ukuba kuza kubakho “uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.”—IZenzo 24:15.

^ isiqe. 4 Noko ke, bona abafileyo abangenalo ithemba lovuko abakho seShiyol okanye eHadesi, kodwa bachazwa ‘njengabaseGehena.’ (Mateyu 5:30; 10:28; 23:33) Ngokufanayo neShiyol neHadesi, nayo iGehena asiyondawo yokoqobo.