Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 18

Sibanceda Njani Abazalwana Bethu Abajongene Nobunzima?

Sibanceda Njani Abazalwana Bethu Abajongene Nobunzima?

KwiDominican Republic

EJapan

EHaiti

Xa kusehla intlekele, ngokukhawuleza amaNgqina kaYehova aye alungiselele ukunceda abazalwana bawo. Loo migudu ibonisa ukuba sithandana ngokwenene. (Yohane 13:34, 35; 1 Yohane 3:17, 18) Sibanceda njani?

Sinikela ngemali. Xa indlala yahlasela elakwaYuda, amaKristu akwa-Antiyokwe enkulungwane yokuqala athumela imali kubazalwana bawo. (IZenzo 11:27-30) Ngokufanayo, xa sisiva ukuba abazalwana bethu abakwinxalenye ethile yomhlaba basebunzimeni, sithumela iminikelo yebandla ukuze sincede abo basweleyo ngezinto eziphathekayo.—2 Korinte 8:13-15.

Siyaya apho ukuze sincede. Abadala abakwindawo yentlekele baye baqiniseke ukuba lungu ngalinye lebandla likhuselekile. Ikomiti yoncedo iye ijongane nokutya, amanzi okusela, impahla, indawo yokuhlala namayeza. AmaNgqina amaninzi anobuchule obufunekayo aye azibhatalele ukuya kuncedisa kwindawo yentlekele, aze afake isandla kuncedo olunikelwayo nasekulungiseni izindlu neeHolo zoBukumkani ezonakeleyo. Umanyano esilunandiphayo njengentlangano namava esiwafumene ekusebenzeni kunye asenza sikwazi ukuhlanganisana ngokukhawuleza xa kufuneka uncedo. Nangona sinceda abo “bahlobene nathi elukholweni,” asibashiyi abo bangengomaNgqina abafuna uncedo.—Galati 6:10.

Sibathuthuzela ngezibhalo nangokweemvakalelo. Abo bahlelwe yintlekele bafuna ukuthuthuzelwa. Ngamaxesha anjalo, sifumana amandla kuYehova, ‘uThixo wentuthuzelo yonke.’ (2 Korinte 1:3, 4) Abo baphelelwe lithemba sibaxelela ngezithembiso eziseBhayibhileni, sibaqinisekisa ukuba kungekudala uBukumkani bukaThixo buza kuziphelisa zonke iintlekele ezibangela intlungu nokubandezeleka.—ISityhilelo 21:4.

  • Kutheni amaNgqina ekwazi ukusabela ngokukhawuleza ngamaxesha entlekele?

  • Sinokubathuthuzela njani ngeZibhalo abo basindileyo?