IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU
“Ndandinengxaki Yokugqajukelwa Ngumsindo”
Unyaka Wokuzalwa: 1975
Ilizwe: EMexico
Ubomi Bangaphambili: Ndandineengcwangu ibe ndakha ndavalelwa entolongweni
INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO
Ndazalelwa eSan Juan Chancalaito, kwidolophana iChiapas, eMexico. Ekhaya singamaChol, aseMaya. Abazali babenabantwana abayi-12, ibe mna ndingowesihlanu. Xa ndandisengumntwana, mna nabantwana basekhaya sasifunda iBhayibhile namaNgqina KaYehova. Okubuhlungu kukuba, andizange ndiphile ngemigaqo yeBhayibhile ngelo xesha.
Ndathi ndisiba neminyaka eyi-13, ndabe sele ndisebenzisa iziyobisi ibe ndilisela. Ndandingasahlali nasekhaya ibe ndandihamba ndihlala. Xa ndandina-16, ndandisebenza kwindawo elima intsangu. Kwakusele kuphele unyaka ndisebenza apho xa kwathi sisakhwelisa intsangu enqanaweni sahlaselwa ngamadoda axhobileyo ayeziintshaba zethu. Ndasinda ekudutyulweni ngokungena emlanjeni ndaza ndaya kuphumela ngaphaya. Emva koko, ndabalekela eMerika.
EMerika ndaqhubeka ndithengisa iziyobisi ibe ndangena ezingxakini ezingakumbi. Xa ndandina-19, ndabanjwa ndaza ndavalelwa entolongweni ngenxa yokuqhekeza nokuzama ukubulala. Entolongweni ndandikwiqela lemigulukudu ibe ndandisenza izinto ezimbi. Ngenxa yoko, abasemagunyeni bandisa kwintolongo eseLewisburg, ePennsylvania eyayinonoogada abangqongqo.
Xa ndandikwintolongo yaseLewisburg, izinto zaya zisiba mbi. Ekubeni ndandineetattoo zeqela lemigulukudu endandikulo, kwaba lula ukuba kwelo qela nakule intolongo ndandikuyo. Ndandihleli nje ndilugcwabevu ngumsindo ibe ndandisoloko ndisilwa. Sakha salwa siliqela eyadini yentolongo. Salwa sisebenzisa iintonga neentsimbi zokwenza umthambo. Ukuze baphelise loo mlo onoogada basebenzisa itear gas. Emva koko, onoogada bandivalela ndedwa kuba ndandiyingozi kwabanye. Ndandinengxaki yokugqajukelwa ngumsindo ibe ndanditheth’ unothanda. Kwakulula kum ukuvele nje ndibethe abantu. Phofu, ndandiyithanda loo nto. Ndandingazisoli ngendlela endizenza ngayo izinto.
INDLELA IBHAYIBHILE EYABUTSHINTSHA NGAYO UBOMI BAM
Njengokuba ndandivalelwe ndedwa, ndaqalisa ukufunda iBhayibhile kuba nje ndandihambisa ixesha. Kamva, omnye unogada wandinika incwadi ethi, Unokuphila Ngonaphakade KwiParadesi Esemhlabeni. a Njengokuba ndandifunda le ncwadi, ndakhumbula izinto ezininzi endandizifunde ngoxa ndandisengumntwana xa sasifunda iBhayibhile namaNgqina. Emva koko, ndacinga kakhulu ngezinto ezimbi endandizenza. Ndacinga nangabantu basekhaya. Ekubeni oodadewethu ababini baba ngamaNgqina KaYehova, ndacinga nokuba, ‘Bona baza kufumana ubomi obungunaphakade.’ Emva koko ndazibuza, ‘Mna?’ Ndazimisela ukutshintsha.
Ndandisazi ukuba kufuneka ndincedwe ukuze nditshintshe. Ngenxa yoko, ndaqala ndathandaza kuYehova uThixo ndimcenga ukuba andincede. Emva koko, ndabhalela iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eseMerika ndaza ndacela ukufundelwa iBhayibhile. Iofisi yesebe yacela ibandla elikufutshane ukuba lindityelele. Ngelo xesha kwakungavumelekanga ukuba ndityelelwe ngabantu abangengobasekhaya. Ngenxa yoko, iNgqina lelo bandla, landithumelela iileta ezikhuthazayo neencwadi ezisekelwe eBhayibhileni, ezandinceda ndazimisela ngakumbi ukutshintsha.
Ndenza utshintsho olukhulu xa kwakufuneka ndenze isigqibo sokuba ndishiye iqela lemigulukudu endandikulo kangangeminyaka emininzi. Inkokeli yeli qela nayo yayivalelwe yodwa. Ndaya kuyo ngoxa sasisenza umthambo ndaza ndayixelela ukuba ndifuna ukuba liNgqina LikaYehova. Ndothuka yakuthi: “Ukuba uyifuna nyhani loo nto, ungayenza. Andinangakuvumeli ukuba ukhonze uThixo. Kodwa ukuba ufuna nje indlela yokuphuma kweli qela, uyayazi ukuba yintoni eza kwenzeka.”
Kwiminyaka emibini eyalandelayo, abantu abasebenza entolongweni baphawula ukuba nditshintshile. Ngenxa yoko, babendiphethe kakuhle. Ngokomzekelo, bayeka ukundiboph’ izandla baze bahambe nam xa ndiyohlamba. Omnye wonoogada wada wandikhuthaza ukuba ndiqhubeke nditshintsha. Loo nto yabangela ukuba kunyaka wam wokugqibela ndisentolongweni, onoogada bandise kwintolongo enonoogada abangekho ngqongqo kangako. Ngo-2004, emva kokuba ndavalelwa kangangeminyaka eyi-10, ndakhululwa ndaza ndasiwa eMexico ngebhasi yasentolongweni.
Emva nje kokuba ndifikile eMexico, ndakhangela iHolo YoBukumkani yamaNgqina KaYehova. Ukuqala kwam ukuya ndandinxibe iimpahla zasentolongweni, ekuphela kwempahla efanelekileyo endandinayo. AmaNgqina andamkela ngobubele nakubeni ndandinxibe ngolo hlobo. Ngenxa yobubele bawo, ndaziva ukuba ndiphakathi kwamaKristu okwenyaniso. (Yohane 13:35) Abadala balungiselela ukuba ndifundelwe iBhayibhile. Emva konyaka ngoSeptemba 3, 2005, ndabhaptizwa ndaliNgqina LikaYehova.
NgoJanuwari 2007, ndaqalisa ukuchitha iiyure eziyi-70 nyanga nganye ndifundisa abanye iBhayibhile. Ngo-2011, ndaphumelela kwiSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshatanga (ngoku esibizwa ngokuba siSikolo Sabavangeli BoBukumkani). Esi sikolo sandinceda kakhulu kwindlela endifanele ndizenze ngayo izinto ebandleni.
Ngo-2013, ndatshata nenkosikazi yam endiyithandayo, uPilar. Akakholelwa xa ndimbalisela ngezinto ezimbi endandizenza. Andizange ndiphinde ndibuyele kula ndlela ndandiphila ngayo. Mna nenkosikazi sikholelwa ekubeni umntu endinguye namhlanje ubonisa ukuba iBhayibhile inamandla okumtshintsha umntu.—Roma 12:2.
INDLELA ENDIYE NDANCEDWA NGAYO
Ndicinga ukuba amazwi kaYesu akuLuka 19:10 abhekisa kum. Athi: ‘Ndeza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.’ Andisaziva ndilahlekile. Andisabethi nabantu ngoku. Ngenxa yeBhayibhile, ndiphila ubomi obunenjongo, ndiseluxolweni nabanye abantu ibe okubaluleke kakhulu kukuba ndingumhlobo woMdali, uYehova.
[UMBHALO OSEMAZANTSI]
a Le ncwadi yeyamaNgqina KaYehova kodwa ngoku ayisaprintwa. Ngoku incwadi ayisebenzisayo ukuze afunde nabantu iBhayibhile yincwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?