Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 17, 2014
KWIIPHILIPPINES

INKCAZELO EYONGEZELELEKILEYO: AmaNgqina KaYehova Alungiselela Ukunceda Emva KweSitshingitshane Esikhulu UHaiyan

INKCAZELO EYONGEZELELEKILEYO: AmaNgqina KaYehova Alungiselela Ukunceda Emva KweSitshingitshane Esikhulu UHaiyan

EMANILA, kwiiPhilippines—Ngenxa yomonakalo omkhulu owenziwe siSitshingitshane uHaiyan, amaNgqina kaYehova aye alungiselela ukunceda abo bathwaxwe yile ntlekele.

Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eseManila iye yaseka iikomiti ezintlanu zokunceda abo bathwaxwe yile ntlekele. Kuye kwathunyelwa izinto zokunceda ezingaphezu kweetoni eziyi-190 kumbindi weePhilippines. AmaNgqina asuka kumazwe amalunga nalishumi aye afak’ isandla ancedisa kweli phulo. Kukho amavolontiya anceda ekulungiseni amakhaya angaphezu kwayi-2 000 okanye anceda ngezinto zonyango.

Kukho abantu abayi-225 abasaxhwarhe kwiintente ezigxunyekwe ngamaNgqina ezikufutshane neCalbayog City, eSamar. Kuqikelelwa ukuba i-15 ukuya kutsho kwi-20 pesenti yabantu abakwezi ntente abangomaNgqina.

Ngenxa yesi sitshingitshane besinamandla, nesiye sabangela izantyalantyala nokukhukhuliseka komhlaba, liye lenyuka inani labantu abaswelekileyo laya kutsho ku-6 201 ibe abayi-1 785 abakafunyanwa. Kuye konzakala abantu abamalunga nabayi-28 000 yaye kukho amakhaya angaphezu kwesigidi awohlokileyo. Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova akwiiPhilippines iye yaqinisekisa ukuba amaNgqina kaYehova ayi-33 aswelekile yaye ayi-10 awakafunyanwa ibe kucingelwa ukuba aswelekile.

UMark Sanderson, weQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova utyelela abo bathwaxwe yile ntlekele

Ukususela ngoDisemba 7, 2013, uMark Sanderson weQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova uye wathatha iintsuku ezisixhenxe endwendwela amaphondo amahlanu athwaxwe yile ntlekele. Uthi: “ISitshingitshane uHaiyan siye sathwaxa iintsapho ezininzi kwiiPhilippines; kodwa sekunjalo thina sikulungele ukunceda ngezinto ezidingekayo, ngabantu bokusebenza nangentuthuzelo.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

KwiiPhilippines: uDean Jacek, tel. +63 2 411 6090