ULUTSHA LUYABUZA
Kungandinceda Njani Ukufunda IBhayibhile?—Inxalenye 1: Ukufunda IBhayibhile Yakho
“Ndikhe ndazama ukuyifunda iBhayibhile kodwa iba ngathi soze iphele.”—UBriana, ona-15.
Ngaba ukhe utsho nawe? Eli nqaku liza kukunceda!
Kutheni ufanele ufunde iBhayibhile?
Ngaba awubi namdla xa kufuneka ufunde iBhayibhile? Ukuba kunjalo, siyayiqonda imeko okuyo. Unokucinga ukuba iBhayibhile yincwadi nje enamaphepha amaninzi namagama amancinci engenayo nemifanekiso, ibe iTV neevidiyo zibangel’ umdla zona.
Kodwa cinga ngolu hlobo: Ukuba udibana nebhegi enkulu yakudala, ngaba awunakuba nomdla wokuba kukho ntoni ngaphakathi?
IBhayibhile ifana naloo bhegi yakudala. Inobuncwane obuninzi obunokukunceda
Wenze izigqibo ezifanelekileyo
Usebenzisane kakuhle nabazali bakho
Ufumane abahlobo abafanelekileyo
Umelane nestres
Kutheni incwadi endala kangaka isinceda namhlanje? Kungenxa yokuba “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Loo ithetha ukuba icebiso leBhayibhile lisuka kuMthombo onokuthenjwa.
Ndifanele ndiyifunde njani iBhayibhile?
Unokuyiqala ekuqaleni uyophela ekugqibeleni. Ngokwenza njalo uza kuyazi ukuba ithetha ngantoni iBhayibhile. Zininzi iindlela onokuyifunda ngazo iBhayibhile. Makhe sithethe ngezi zimbini:
Unokufunda iincwadi zeBhayibhile ngokokulandelelana kwazo, uqale kwiGenesis uphele kwiSityhilelo.
Unokuyifunda iBhayibhile ngokwendlela iziganeko ezikuyo ezenzeka ngayo.
Icebiso: Iphepha 18-33 lencwadana ethi, Isikhokelo Sokufunda ILizwi LikaThixo linoludwe lwezinto ezenzeka kuYesu ngoxa wayesemhlabeni.
Indlela yesibini yokufunda iBhayibhile kukukhetha amabali athetha ngengxaki onayo. Ngokomzekelo:
Ngaba ungakuvuyela ukuba nabahlobo onokubathemba? Funda ngebali likaYonatan noDavide. (1 Samuweli isahluko 18-20) Emva koko, funda iphepha onokubhala kulo elinomxholo othi, “Indlela Yokufumana Abahlobo Abanyanisekileyo” uze ukhangele izinto onokuzifunda kweli bali.
Ngaba udinga amandla okuxhathisa isilingo esithile? Funda ngendlela uYosefu awasixhathisa ngayo isilingo. (Genesis, isahluko 39) Emva koko, funda iphepha onokubhala kulo elinomxholo othi, “Indlela Yokuxhathisa Isilingo . . . UYosefu—Inxalenye 1” nelithi, “Uyatyholwa! UYosefu—Inxalenye 2” uze ukhangele izinto onokuzifunda kweli bali.
Ngaba ungathanda ukufunda ngendlela ongakunceda ngayo umthandazo? Funda ngoko kwenzeka kuNehemiya. (Nehemiya isahluko 2) Emva koko, funda iphepha onokubhala kulo elinomxholo othi, “UThixo Wawuphendula Umthandazo Wakhe” uze ukhangele izinto onokuzifunda kweli bali.
Icebiso: Xa ufunda iBhayibhile, qiniseka ukuba ukwindawo ezolileyo engenaziphazamiso.
Indlela yesithathu yokufunda iBhayibhile kukukhetha ibali okanye indumiso, uyifunde uze emva koko ujonge indlela onokuyisebenzisa ngayo ebomini bakho. Emva kokuba uyifundile, zibuze imibuzo enjengale:
Kwakutheni ukuze uYehova abhale oku eBhayibhileni?
Oku ndikufundayo kundifundisa ntoni ngobuntu bukaYehova nangendlela azenza ngayo izinto?
Ndingayisebenzisa njani le nto ndiyifundileyo ebomini bam?
Icebiso: Lubhale usuku ofuna ukuqala ngalo ukufunda iBhayibhile.