Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

INdumiso 23:4—“Nangona Ndihamba Kwintlambo Emnyama Kakhulu”

INdumiso 23:4—“Nangona Ndihamba Kwintlambo Emnyama Kakhulu”

 “Nangona ndihamba kwintlambo emnyama kakhulu, andoyiki kwenzakala, kuba unam wena; intonga yakho nomsimelelo wakho ziyandikhusela.”—INdumiso 23:4, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa, andiyi koyika bubi ngokuba unam wena, intonga yakho umsimelelo wakho iyandithuthuzela.”—INdumiso 23:4, IZibhalo Ezingcwele.

Into ethethwa yiNdumiso 23:4 a

 UThixo uyabakhusela abakhonzi bakhe ibe uyabahoya naxa besebunzimeni. Le vesi ifanisa indlela uYehova abakhathalele ngayo abakhonzi bakhe nomalusi ohoye iigusha zakhe. b Abaziva bebodwa naxa beneengxaki ezinzima ezifana nentlambo emnyama kakhulu okanye ithunzi lokufa. Baziva bekhuselekile, iba ngathi uThixo ulapha ecaleni kwabo.

 Ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile, umalusi wayesebenzisa intonga ukuze akhusele iigusha zakhe kwizinto ezifuna ukuzonzakalisa. Wayeyisebenzisela nokuzikhokela okanye azisuse engozini. NoYehova ufana nomalusi onothando kuba uyabakhokela aze abakhusele abo bamkhonzayo. Naxa beneengxaki, uYehova uye abancede ngeendlela ezahlukahlukeneyo.

  •   Uyabafundisa aze abathuthuzele esebenzisa iLizwi lakhe, eliyiBhayibhile.—Roma 15:4.

  •   Uyayimamela imithandazo yabo, abanike uxolo aze abenze bazole.—Filipi 4:6, 7.

  •   Usebenzisa abanye abakhonzi bakhe ukuze babakhuthaze.—Hebhere 10:24, 25.

  •   Ubathembisa ukuba baseza kuphila kamnandi ibe uza kuziphelisa zonke izinto ezimbi ezibehlelayo.—INdumiso 37:29; ISityhilelo 21:3-5.

Into ekuthethwa ngayo kwiNdumiso 23:4

 INdumiso 23 yabhalwa nguDavide. Xa wayengumfana wayengumalusi, ibe ekuhambeni kwexesha waba ngukumkani wohlanga lwakwaSirayeli. (1 Samuweli 17:34, 35; 2 Samuweli 7:8) Incwadi yeNdumiso iqala ngokuchaza uYehova, imchaza njengomalusi obakhokelayo, abondle aze abahlaziye abakhonzi bakhe kanye njengomalusi wokoqobo.—INdumiso 23:1-3.

 KwiNdumiso 23:4, uDavide xa ethetha ngokukhusela kukaYehova uyayeka ukuthetha ngoYehova njengomntu wesithathu, kunoko uthetha ngaye esebenzisa igama elithi wena. Loo nto ibonisa indlela uDavide asondelelene ngayo noYehova. UDavide wayesazi ukuba uThixo umkhathalele ibe uyazazi zonke iingxaki zakhe. Ngenxa yalonto wayengoyiki nto.

 KwiNdumiso 2356, uDavide ngoku uyayeka ukufanisa uYehova nomalusi onezimvu, kunoko umfanisa nomntu owamkela undwendwe. Apha uchaza indlela anobubele ngayo uYehova kuba umphatha kakuhle uDavide njengoko elundwendwe. Nabantu ababefuna ukumhlasela uDavide babengakwazi kuba wayekhuselwa nguYehova. Xa siphela esi sahluko uDavide uchaza indlela aqiniseke ngayo ukuba Yehova uza kusoloko embonisa ububele nothando ubomi bakhe bonke.

 Amazwi akwiNdumiso 23 asenza sibe nomfanekiso ngqondweni wendlela uYehova abathanda nabakhusela ngayo abakhonzi bakhe.—1 Petros 2:25.

a Kwezinye iiBhayibhile le yiNdumiso 22. Nangona iNdumiso inezahluko eziyi-150, ezinye iiBhayibhile ziyibala ngokwemibhalo yesiHebhere yamaMasoreti, ezinye zazibala ngeSeptuagint yesiGrike, eyayiyinguqulelo yesiHebhere eyagqitywa kwiminyaka yoo-200 B.C.E.

b UThixo onegama elinguYehova iBhayibhile imchaza njengomalusi onothando. Abakhonzi bakhe ekuthiwa zizimvu zakhe baxhomekeke kuye ukuze abakhusele aze abaxhase.—INdumiso 100:3; Isaya 40:10, 11; Yeremiya 31:10; Hezekile 34:11-16.