Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

AmaHebhere 4:12—“ILizwi LikaThixo Liyaphila, Liyasebenza”

AmaHebhere 4:12—“ILizwi LikaThixo Liyaphila, Liyasebenza”

 “Kuba ilizwi likaThixo liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elibukhali macala, lihlaba lide lahlule umphefumlo nomoya namalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukubona iingcinga nezinto ezifunwa yintliziyo.”—Hebhere 4:12, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu.”—Hebhere 4:12, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

Into ethethwa ngamaHebhere 4:12

 Umyalezo kaThixo oya ebantwini oseBhayibhileni, unamandla okusinceda sazi ezona zinto sizicingayo nezinto ezisiqhubayo. Lo myalezo unokubuphucula ubomi babantu.

 “ILizwi likaThixo liphilile.” La mazwi athi “ilizwi likaThixo,” abhekisela kwizinto uThixo azithembisileyo okanye injongo yakhe echazwe eBhayibhileni. a Eyona nto ibalulekileyo kwinjongo yakhe kukuba abantu abathobelayo baphile ngonaphakade emhlabeni, beseluxolweni ibe bemanyene.—Genesis 1:28; INdumiso 37:29; ISityhilelo 21:3, 4.

 Kutheni kusithiwa injongo kaThixo ayichazileyo, okanye ilizwi lakhe “liphilile”? Okokuqala, liphilile kwabo balimamelayo kuba libanika ithemba, batsho bayazi into abayiphilelayo. (Duteronomi 30:14; 32:47) Enye into eyenza ilizwi likaThixo ‘liphile’ kukuba xa ethembisa into, usebenza nzima ukuze ayenze. (Yohane 5:17) UThixo akafani nabantu, akathembisi aze ayilibale into okanye angakwazi ukuyenza. (Numeri 23:19) ILizwi lakhe ‘soze libuyele kuye lingayenzanga into ayithethileyo.’—Isaya 55:10, 11.

 “Ilizwi likaThixo . . . linamandla.” Igama elithi “linamandla” lithetha ukuba “liyasebenza” okanye elo lizwi ‘liyakwazi ukwenza yonke into elithanda ukulenza.’ Ngoko, yonke into uYehova b uThixo ayithethayo okanye ayithembisayo iza kwenzeka nakanjani. (INdumiso 135:6; Isaya 46:10) Phofu, uThixo usoloko ezenza ngendlela ebesingakhe siyicinge izinto azithembisileyo.—Efese 3:20. c

 Ilizwi likaThixo “linamandla,” kuba liyakwazi ukunceda abantu abalisebenzisayo baphucule indlela abaphila ngayo nobuntu babo. Izinto abazifundayo zibanceda batshintshe indlela abacinga ngayo, ubomi babo, nezinto abazifunayo. (Roma 12:2; Efese 4:24) Ngolo hlobo, ‘ilizwi likaThixo liyabanceda’ abo balamkela njengelivela kuye.—1 Tesalonika 2:13.

 “Ilizwi likaThixo . . . libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elibukhali macala.” Le nto ithetha ukuba ilizwi likaThixo libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elinokwenziwa ngumntu, ngenxa yamandla alo. Umyalezo kaThixo unokufikelela intliziyo yomntu ukogqitha nabani na. Le nto siyibona kwinto ethethwa ngamaHebhere 4:12 xa eqhubeka.

 “Ilizwi likaThixo . . . lihlaba lide lahlule umphefumlo nomoya, namalungu nomongo wawo.” Xa iBhayibhile ithetha “ngomoya,” ngamanye amaxesha ithetha ngendlela umntu ayiyo, kodwa xa ithetha “ngomphefumlo” ithetha ngomntu anguye ngaphakathi. (Galati 6:18) Xa kusithiwa “ilizwi likaThixo” lifikelela ‘umongo,’ loo nto ithetha ukuba lifikelela kwizinto esizicingayo nendlela esiziva ngayo. Izinto esizifundiswa nguYehova zinokusinceda sikwazi ukutshintsha size senze izinto ezintle. Kaloku zisinceda sibone izinto ezingabonwayo ngabanye abantu, size siqonde oyena mntu singuye ngaphakathi. Loo nto ivuyisa uMdali wethu, nathi isenza sonwabe.

 “Ilizwi likaThixo . . . liyakwazi ukubona iingcinga nezinto ezifunwa yintliziyo.” Ilizwi likaThixo liyakwazi ukuveza izinto umntu azicingayo, izizathu zakhe nezinto ezimqhubayo. Loo nto ibonakala kwindlela aye enze ngayo umntu emva kokuba elifundile. Ngokomzekelo, xa umntu elamkela ilizwi likaThixo aze atshintshe, ubonisa ukuba uthobekile ibe ufuna limncede nyhani. Ufuna ukuvuyisa uMdali wakhe. Kodwa ukuba uzama ukukhangela into erongo kwilizwi likaThixo, loo nto ibonisa ukuba unekratshi ibe uzithembe kakhulu. Mhlawumbi uzama ukuzithethelela kwinto embi uThixo angayifuniyo.—Yeremiya 17:9; Roma 1:24-27.

 Enye yeembekiselo ithi, ilizwi likaThixo “liyakwazi ukufikelela nakwezona ndawo zifihlakeleyo kumntu esinguye ngaphakathi.” Akhonto uThixo angenakuyibona kuthi nengenokuvezwa lilizwi lakhe. AmaHebhere 4:13 athi: “Zonke izinto zize yaye ziyabonakala emehlweni alowo simele siphendule kuye.”

Into ekuthethwa ngayo kumaHebhere 4:12

 Incwadi yamaHebhere yabhalwa ngumpostile uPawulos malunga no-61 C.E. Le leta iphefumlelweyo wayeyibhalela amaKristu aseYerusalem nawakwaYuda.

 Kwisahluko 3 no-4, uPawulos ulumkisa amaKristu esebenzisa umzekelo wamaSirayeli. (Hebhere 3:8-12; 4:11) UYehova wathembisa amaSirayeli ukuba wayeza kuwakhulula ekubeni ngamakhoboka, aze awase kwilizwe apho ‘ayeza kuhlala ekhuselekile.’ (Duteronomi 12:9, 10) Kodwa amaSirayeli awayewakhuphe eYiputa ayesoloko ebonisa ukuba awazithembanga izithembiso zikaThixo, ibe engayithobeli imiyalelo yakhe. Ngenxa yaloo nto, zange ‘angene ekuphumleni kukaThixo’ aze abe seluxolweni naye. Endaweni yoko afa entlango. Ewe kona ,inzala yawo yafika kwiLizwe Lesithembiso kodwa zange ithobele. Le nto yabangela ukuba amaSirayeli ehlelwe zizinto ezibuhlungu.—Nehemiya 9:29, 30; INdumiso 95:9-11; Luka 13:34, 35

 UPawulos ucacisela amaKristu ukuba amele afunde kulo mzekelo mbi wamaKristu angazange athembeke. Ngokungafaniyo nawo, thina singangena ekuphumleni kukaThixo, ngokuthobela ilizwi lakhe nangokuba nokholo kwizithembiso zakhe.—Hebhere 4:1-3, 11.

 Bukela le vidiyo emfutshane ethetha ngencwadi yamaHebhere.

a “Ilizwi likaThixo” ekuthethwa ngalo kumaHebhere 4:12 ayoBhayibhile qha. Kodwa kuba izithembiso zikaThixo zibhalwe kuyo, singakwazi ukuthi amaHebhere 4:12 athetha ngeBhayibhile.

b UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku “Ngubani UYehova?