Ngoobani Abachasi-Kristu?
Impendulo esuka eBhayibhileni
Umchasi-Kristu asingomntu okanye iqela elinye kuba iBhayibhile ithi ‘baninzi abachasi-Kristu.’ (1 Yohane 2:18) Kunoko, igama elithi “abachasi-Kristu” elivela kwigama lesiGrike elithetha ukuba “nxamnye noKristu” libhekisela kuye nabani na owenza ezi zinto ezilandelayo:
Okhanyelayo ukuba uYesu nguKristu (uMesiya) okanye okhanyelayo ukuba unguNyana kaThixo.—1 Yohane 2:22.
Ochasa uKristu, uMthanjiswa kaThixo.—INdumiso 2:1, 2; Luka 11:23.
Ozenza uKristu.—Mateyu 24:24.
Otshutshisa abalandeli bakaKristu, kuba uYesu evakalelwa kukuba oko kwenziwa kubo kwenziwe nakuye.—IZenzo 9:5.
Ozibanga engumKristu ngoxa esenza izinto ezichasene nomthetho okanye ekhohlisa.—Mateyu 7:22, 23; 2 Korinte 11:13.
Xa ithetha ngomchasi-Kristu, iBhayibhile ayibhekiseli kumntu omnye kodwa ikwabhekisela nakwiqela, ‘abachasi-Kristu.’ (2 Yohane 7) Abachasi-Kristu baqala ukuvela ngamaxesha abapostile ukuza kuthi ga ngoku. Isiprofeto seBhayibhile saxela kwangaphambili ngoku.—1 Yohane 4:3.
Ungababona njani abachasi-Kristu
Basasaza ubuxoki ngoYesu. (Mateyu 24:9, 11) Ngokomzekelo, abo bafundisa ngoThixo oneziqu ezithathu okanye abathi uYesu unguThixo uSomandla banxamnye nemfundiso kaYesu, owathi: “uBawo mkhulu kunam.”—Yohane 14:28.
Abachasi-Kristu banxamnye noko kwathethwa nguYesu ngendlela uBukumkani bukaThixo obusebenza ngayo. Ngokomzekelo, abanye abefundisi bathi usebenzisa oorhulumente babantu. Sekunjalo, le mfundiso iyangqubana noko kwathethwa nguYesu owathi: “Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi.”—Yohane 18:36.
Bathi uYesu yiNkosi, kodwa abayithobeli imithetho yakhe, kuquka lowo wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.—Mateyu 28:19, 20; Luka 6:46; IZenzo 10:42.