Ngubani Oya Esihogweni?
Impendulo esuka eBhayibhileni
Isihogo (“iShiyol” “neHadesi” ngeelwimi iBhayibhile eyayibhalwe ngazo ekuqaleni) lingcwaba eliqhelekileyo, kungekhona indawo enomlilo ekuthuthunjiswa kuyo. Ngubani oya esihogweni? Kuya abantu abalungileyo nabangalunganga. (Yobhi 14:13; INdumiso 9:17) IBhayibhile ithi ingcwaba eliqhelekileyo loluntu ‘yindlu yokuhlangana yabo bonke abaphilayo.’—Yobhi 30:23.
NoYesu waya esihogweni xa wafayo. Noko ke, “akazange ashiywe esihogweni,” kuba uThixo wamvusa.—IZenzo 2:31, 32, iThe Bible in Basic English.
Ngaba Kuhlalwa Ngonaphakade Esihogweni?
Bonke abo baya esihogweni uYesu uza kubavusa esebenzisa amandla kaThixo. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Ithetha ngovuko, isiprofeto esikwiSityhilelo 20:13 sithi, “ukufa neHadesi kwabakhupha abafileyo abalapho.” Xa bonke abasesihogweni bekhutshiwe, asisayi kuphinda sibekho; kungekho nabani na oya kuphinda aye kuso kuba ‘ukufa kuza kube kungekho.’—ISityhilelo 21:3, 4; 20:14.
singuye wonke umntu ofayo oya esihogweni. IBhayibhile ibonisa ukuba abanye abantu baba ngendawo bade bangaguquki. (Hebhere 10:26, 27) Abantu abanjalo xa besifa abayi esihogweni kodwa baya eGehena, nto leyo engumqondiso wentshabalalo kanaphakade. (Mateyu 5:29, 30) Ngokomzekelo, uYesu wabonisa ukuba iinkokeli zonqulo ezihanahanisayo zexesha lakhe zaziza kuya eGehena.—Mateyu 23:27-33.