Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngokutshatana Kwabantu Beentlanga Ezahlukeneyo?

Ithini IBhayibhile Ngokutshatana Kwabantu Beentlanga Ezahlukeneyo?

Impendulo yeBhayibhile

UThixo uyawamkela umtshato wendoda etshata nomfazi wolunye uhlanga kuba kuye zonke iintlanga ziyafana. IBhayibhile ithi: “UThixo ubaphatha ngendlela efanayo bonke abantu . . . , nokuba ngabaluphi uhlanga.”—IZenzo 10:34, 35, iGood News Translation.

Khawufunde eminye imithetho yeBhayibhile ethetha ngokulingana nokutshatana kweentlanga.

Zonke iintlanga zisuka kumntu omnye

Bonke abantu bayinzala yomntu wokuqala, uAdam nomfazi wakhe uEva, iBhayibhile embiza ngokuba “ngunina wabo bonke abaphilayo.” (Genesis 3:20) Ngenxa yoku, xa ithetha ngoThixo iBhayibhile ithi: “Wazenza ngokuphuma kumntu omnye zonke iintlanga zabantu.” (IZenzo 17:26) Nokuba ngabaluphi na uhlanga, bonke abantu bayintsapho enye. Ngoko, kuthekani ukuba apho uhlala khona kubalasele ubuhlanga okanye ucalucalulo?

Izilumko ‘zibhunga kunye’

Nangona ukutshatana kwabantu beentlanga ezahlukeneyo kusamkelwa nguThixo, abanye abantu abakwamkeli. (Isaya 55:8, 9) Ukuba ufuna ukutshata umntu wolunye uhlanga, nazi izinto enimele nincokole ngazo:

  • Niza kujongana njani nengcinezelo oza kuyifumana ekuhlaleni okanye entsatsheni?

  • Niza kubanceda njani abantwana benu ukuze bakwazi ukuhlangabezana nokucalucalulwa?

‘Ukubhunga kunye’ ngale ndlela kunokuninceda niphumelele emtshatweni.—IMizekeliso 13:10; 21:5.