Ngaba UMariya Ngumama KaThixo?
Impendulo esuka eBhayibhileni
Hayi, iBhayibhile ayifundisi ukuba uMariya ngumama kaThixo ingafundisi nokuba amaKristu amele akhonze uMariya. a Khawucinge ngoku:
UMariya akazange athi ungumama kaThixo. IBhayibhile ithi, wazala ‘uNyana kaThixo,’ kungekhona uThixo.—Marko 1:1; Luka 1:32.
UYesu Kristu akazange athi uMariya ngumama kaThixo okanye umele akhonzwe. Endaweni yoko, walungisa umfazi owathi uMariya wonwabile kuba engumama wakhe, ngokuthi: “Hayi, kunoko, banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!”—Luka 11:27, 28.
Alikho ibinzana elithi, “uMama kaThixo” nelithi “uTheotokos” (umthwali kaThixo) eBhayibhileni.
Ibinzana elithi “uKumkanikazi wezulu” eliseBhayibhileni, alibhekiseli kuMariya kodwa libhekisela kuthixokazi wobuxoki owayekhonzwa ngamaSirayeli awexukileyo. (Yeremiya 44:15-19) Kusenokwenzeka ukuba “uKumkanikazi wezulu” yayinguIshtar (uAstarte), uthixokazi waseBhabhiloni.
AmaKristu okuqala awazange amkhonze uMariya ibe awazange amphathe ngendlela ekhethekileyo. Omnye umbhali-mbali uthi, amaKristu okuqala “ayengenakuzamkela izinto ezinento yokwenza nonqulo lobuxoki ibe kusenokwenzeka ukuba ayecinga ukuba xa emjonga ngendlela ekhethekileyo uMariya abantu babesenokucinga ukuba akhonza uthixokazi.”—In Quest of the Jewish Mary.
IBhayibhile ithi uThixo wayekho ukususela kwixesha elingenammiselo. (INdumiso 90:1, 2; Isaya 40:28) Ekubeni engenasiqalo, akanakuba nomama. Enye into, uThixo wayengenakuhlala esibelekweni sikaMariya, iBhayibhile iyenza icace into yokuba namazulu awamlingenanga.—1 Kumkani 8:27.
UMariya Ngumama KaYesu Kungekhona “Umama KaThixo”
UMariya wayengumYuda ibe wayeyinzala kaKumkani uDavide. (Luka 3:23-31) Wayethandwa nguThixo ngenxa yokuba wayenokholo ibe ezinikele. (Luka 1:28) UThixo wakhetha yena ukuba abe ngumama kaYesu. (Luka 1:31, 35) UMariya nomyeni wakhe, uYosefu babenabo nabanye abantwana.—Marko 6:3.
Nangona iBhayibhile ibonisa ukuba uMariya waba ngumfundi kaYesu, akukho nto yongezelelekileyo ithethwayo ngaye.—IZenzo 1:14.
a Iinkonzo ezininzi zifundisa ukuba uMariya ngumama kaThixo. Zidla ngokuthi “nguKumkanikazi wezulu” okanye uTheotokos, igama lesiGrike elithetha “umthwali kaThixo.”