Unjani Umzimba KaMtyholi?
Impendulo esuka eBhayibhileni
UMtyholi ungumoya, loo nto ithetha ukuba unomzimba esingenakuwubona.—Efese 6:11, 12.
Abazobi abaninzi badla ngokuzoba ibhokhwe enamaphondo nomsila, ephethe ifolokhwe xa bezoba uMtyholi. Abanye abantu bathi le mifanekiso yaqala ukuzotywa ngabazobi ababephila kwiminyaka engaphezu kweyi-1000 eyadlulayo. Kusenokwenzeka babemzoba ngolu hlobo kuba babesiva iintsomi zakudala.
IBhayibhile ithi unjani uMtyholi?
IBhayibhile imchaza ngeendlela ezahlukeneyo uMtyholi. Zisinceda simazi ukuba unjani, kodwa azisincedi siwazi umzimba wakhe. Nazi ezinye:
Ingelosi yokukhanya. Uzenza ngathi uza kubenzela izinto ezintle abantu, ukuze benze izinto azifundisayo kunokwenza ezifundiswa nguThixo.—2 Korinte 11:14.
Ingonyama egqumayo. Ubakhohlakalele abantu bakaThixo, uyabahlasela.—1 Petros 5:8.
Inamba enkulu. Uyoyikisa, unamandla ibe umosha kakhulu.—ISityhilelo 12:9.