Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA INTSAPHO | UKUKHULISA ABANTWANA

Nceda Abantwana Bakho Bamelane Neendaba Ezoyikisayo

Nceda Abantwana Bakho Bamelane Neendaba Ezoyikisayo

 Kusoloko kukho iindaba ezothusayo, kwii-TV, kwiifowuni, kwiithablethi, nakwiikhompyutha ibe ziba neevidiyo ezoyikisayo.

 Abantwana bayazibukela ezi ndaba.

 Ungabanceda njani abantwana bakho ukuba zingabothusi ezi ndaba?

 Zibenza bazive njani abantwana iindaba?

  •   Ziyabakhathaza izinto ezininzi abazibona kwiindaba abantwana abaninzi. Abanye basenokungayichazi indlela abaziva ngayo, kodwa ezi ndaba zimbi zisenokubaphatha kakubi. a Bangakhathazeka kakhulu naxa bebona abazali babo bekhathazekile.

  •   Abantwana basenokungayiqondi into abayibona ezindabeni. Ngokomzekelo, abanye basenokucinga ukuba loo nto bayibonileyo iza kwenzeka kwintsapho yabo. Xa abantwana bemane bebona ividiyo ethile eyothusayo, basenokucinga ukuba loo nto yenzeka ngalo lonke ixesha.

  •   Abantwana basenokungaqondi ukuba into eyenzeka ezindabeni ayisoloko imbi ngendlela echazwa ngayo. Basenokuyingayiqondi into yokuba abantu beendaba bafumana imali eninzi xa bebaninzi abantu ababukela iindaba. Abantu beendaba basenokuyibaxa into eyenzekileyo ukuze ibukelwe ngabantu abaninzi.

 Ungabanceda njani abantwana bakho ukuba bangakhathazwa zezi ndaba?

  •   Bancede bangazibukeli kakhulu iindaba. Lento ayithethi ukuba abantwana bakho abamele bangayazi into eyenzekayo emhlabeni. Kodwa akulunganga ukusoloko besiva okanye bemamela iindaba ezothusayo qho.

     “Mna nomyeni wam ngamanye amaxesha siye sithethe kakhulu ngeendaba, singayiqondi indlela ezibothusa ngayo abantwana xa bemamele.”—UMaria.

     Umgaqo weBhayibhile: “Amaxhala ayayityhafisa intliziyo yomntu.”—IMizekeliso 12:25.

  •   Mamela ngomonde, ube nobubele xa uphendula. Ukuba kunzima ukuthetha nomntwana wakho ngaloo nto yenzekileyo, mcele ukuba ayizobe. Ungathetha nomntwana wakho ngezinto ezixhalabisayo ngendlela aza kuyiqonda, kodwa kuphephe ukumcacisela izinto ezingamfuniyo nezingeyomfuneko.

     “Intombi yethu iye izive ibhetele xa siye sahlala phantsi saza sayimamela. Ayimncedi into yokuba sithi kuye ‘yindlela izinto eziyiyo ngoku, ibe umele aqhelane nayo.’”—USarahi.

     Umgaqo weBhayibhile: “Wonke umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha.”—Yakobi 1:19.

  •   Bancede abantwana bakho bazive ngale ndlela ziyiyo iindaba. Ngokomzekelo, ingxelo yokubiwa kwabantwana isenokubonakala njengento eyenzeka kakhulu, ibe mhlawumbi ingenakwenzeka. Bacacisele abantwana bakho ukuba ziintoni ozenzileyo ukuze uqiniseke ukuba bakhuselekile. Simele sikhumbule ukuba iindaba ziyayichaza into kuba ingaqhelekanga, hayi kuba isenzeka qho.

     “Bancede abantwana bakho kwindlela abaziva ngayo. Ngokuqhelekileyo, indlela esiziva ngayo ibangelwa zizinto esizicingayo, ngoko ukuba siyabanceda abantwana bethu ukuba bacinge kakuhle baza kuziva bebhetele.”—ULourdes.

     Umgaqo weBhayibhile: “Intliziyo yesilumko inika umlomo waso ubulumko, ibe sithetha kuvakale.”—IMizekeliso 16:23.

a Abantwana abancinci bangabonisa iimpawu zokuxhalaba ngokuba bachame ebhedini xa belele, okanye boyike ukuya esikolweni kuba bengafuni ukwahlukaniswa nabazali babo.