Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO | UMTSHATO

Ukuyisebenzisa Kakuhle Iteknoloji

Ukuyisebenzisa Kakuhle Iteknoloji

 Ukusebenzisa izixhobo zeteknoloji kunokuba luncedo okanye kubangele iingxaki emtshatweni. Ziwuchaphazela njani umtshato wakho?

 Into omele uyazi

  •   Ukuzisebenzisa kakuhle izinto zeteknoloji kungawunceda umtshato. Ngokomzekelo, abanye abantu abatshatileyo bancokola kunye emini.

     “Umyalezo othi ‘Ndiyakuthanda’ okanye ‘Ndicinga ngawe’ unganenza nisondelelane.”—UJonathan

  •   Ukusebenzisa kakubi izixhobo zeteknoloji kungabangela iingxaki emtshatweni. Ngokomzekelo abanye abantu basoloko besebenzisa iifowuni neethabhleti zabo ibe loo nto itya ixesha ebebenokulisebenzisa bekunye namaqabane abo.

     “Ndiqinisekile ukuba umyeni wam ebenokukuvuyela ukuncokola nam ukuba bendingasoloko ndisebenzisa ifowuni.”—UJulissa

  •   Abanye abantu bathi bayakwazi ukuncokola neqabane labo babe besebenzisa ifowuni kwangexesha elinye. USherry Turkle isazi ngezentlalo uthi: “Akunokwenzeka ukuba umntu enze izinto ezimbini ngexesha elinye. Sekunjalo, nokuba abantu bathi ukwenza izinto ezimbini ngexesha elinye kulungile, kodwa akunjalo.” Uqhubeka athi: “Xa sizama ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye akukho nenye ephumelelayo.” a

     “Kumnandi ukuncokola nomyeni wam kodwa akumnandanga xa encokola nam esenza ezinye izinto. Ndiziva ngathi andibalulekanga.”—USarah.

 Eyona nto ibalulekileyo: Indlela oyisebenzisa ngayo iteknoloji ingawakha okanye iwuchithe umtshato wakho.

 Oko unokukwenza

 Zazi izinto eziza kuqala. IBhayibhile ithi: ‘Qinisekani ngezona zinto zibalulekileyo.’ (Filipi 1:10) Khawuzibuze: ‘Ngaba mna neqabane lam sisebenzisa ixesha ebekumele ukuba silichitha kunye sijonge iifowuni zethu?’

 “Kubuhlungu ukubona abantu abatshatileyo benikele ingqalelo kwiifowuni zabo xa bezikhuphile. Asifuni ukulawulwa yiteknoloji side silibale ukuba eyona nto ibalulekileyo ngumntu esitshate naye.”—UMatthew

 Yibeke kwindawo yayo iteknoloji. IBhayibhile ithi: “Ngoko hlalani nizigadile ukuba ningenzi izinto njengabantu abangezozilumko, kodwa nizenze njengezilumko, nilisebenzise kakuhle ixesha. (Efese 5:15, 16) Khawuzibuze: ‘Endaweni yokuphendula yonke imiyalezo xa ndiyifumana, ngaba ndingazibekela elinye ixesha ukuze ndiphendule imiyalezo engangxamisekanga?’

 “Ndikufumanise kuluncedo ukubeka ifowuni yam kwimo yokungaphazamisi, ndiphendule imiyalezo ngelinye ixesha. Asiyiyo yonke imiyalezo, i-imeyili kunye neefowuni ezingenayo ezingxamisekileyo. Ngenxa yoko akuyomfuneko ukuba ndiphendule ngoko nangoko.”—UJonathan

 Ukuba kunokwenzeka sukwenza umsebenzi xa ukunye nentsapho yakho. IBhayibhile ithi: “Yonke into inexesha layo.” (INtshumayeli 3:1) Khawuzibuze le mibuzo: ‘Ngaba umsebenzi wam uphazamisana nentsapho yam ngenxa yokuba ndisoloko ndisebenzisa ifowuni? Ukuba ndiyayenza loo nto, uchaphazeleka njani umtshato wam? Lingathini lona iqabane lam?’

 “Iteknoloji isinceda sikwazi ukusebenza enokuba siphi okanye leliphi ixesha. Xa ndihleli nomfazi wam ndiye ndizame ukuba ndingasoloko ndijonga ifowuni yam ndize ndiphendule izinto zomsebenzi.”—UMatthew.

 Ncokolani ngendlela yokusebenzisa iteknoloji. IBhayibhile ithi: “Mntu ngamnye makangafuni kungenelwe yena kodwa makafune kungenelwe abanye.” (1 Korinte 10:24) Ncokola neqabane lakho ngendlela eniyisebenzisa ngayo iteknoloji kunye nezinto eninokuzitshintsha ukuba kuyimfuneko. Ningaqalisa ngokusebenzisa isikhokelo sencoko esikweli nqaku.

 “Mna nomyeni wam siyachazelana xa sibona ukuba omnye usebenzisa kakhulu ifowuni okanye ithablethi. Siyayiqonda ukuba le nto ingayingxaki. Ngenxa yoko siye simamele kakuhle xa omnye ecebisa.”—UDanielle

 Eyona nto ibalulekileyo: Qiniseka ukuba iteknoloji ilawulwa nguwe, asiyiyo elawula wena.

a Ithathwe kwincwadi ethi Reclaiming Conversation—The Power of Talk in a Digital Age.