Yiya kwinkcazelo

Izixhobo Zokufunda IBhayibhile

Kwilayibrari yethu kukho izixhobo zokufunda iBhayibhile ezifumaneka simahla. Zikhona nezinye izinto ezinokukunceda ulazi kakuhle iLizwi LikaThixo xa ulifunda. Sebenzisa iBhayibhile nezixhobo ezifumaneka kwiwebhsayithi yethu xa ufunda iBhayibhile. Jonga nezifundo zeBhayibhile onokuzifunda ngokwakho. Yenza ukufunda iBhayibhile kube mnandi ngokusebenzisa iividiyo zokufunda iBhayibhile, incwadi yokuphanda ngeBhayibhile, ingcaciso yamagama aseBhayibhileni kunye nezinye izixhobo ezifumaneka simahla.

Funda IBhayibhile Kwi-Intanethi

Jonga nezinye izinto ezikule Nguqulelo Yehlabathi Elitsha, iBhayibhile echanileyo nefundeka lula.

Iividiyo Zokufundisisa

Intshayelelo Yeencwadi ZeBhayibhile

Inkcazelo ngencwadi yeBhayibhile nganye.

Iimfundiso Ezibalulekileyo ZeBhayibhile

Ezi vidiyo zimfutshane zineempendulo zemibuzo yezinto ezifundiswa yiBhayibhile. Lo mibuzo ifana nethi: Kwakutheni ukuze uThixo adale umhlaba? Kwenzeka ntoni kumntu xa efile? Kutheni uThixo evumela ukubandezeleka?

Izixhobo Zokufundisisa Nezokufumana Lula Imixholo

Incwadi Yokuphanda NgeBhayibhile

I-Insight on the Scriptures ithetha ize icacise imixholo emininzi. Eminye imixholo ithetha ngabantu, iindawo, izityalo, izilwanyana, izinto ezibalulekileyo ezakhe zenzeka nezafobe ezisetyenziswa eBhayibhileni. Ungayidawunlowuda yomibini imiqulu ngePDF. Kwezi PDF kukho iimaphu, iifoto, imizobo ibe kulula ukufumana imixholo neZibhalo.

Ushwankathelo LweBhayibhile

Incwadana ethi IBhayibhile​—Sithini Isigidimi Sayo? inoshwankathelo lweBhayibhile kwizahluko ezimbalwa.

Incwadana Ecacisa Iindawo EziseBhayibhileni

Incwadana ethi “Khawubone Eli Lizwe Lihle” icacisa ngeendawo eziseBhayibhileni isebenzisa iimaphu ezibonisa iindawo ezahlukahlukeneyo ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile ingakumbi Ilizwe Lesithembiso.

Ivesi YeBhayibhile Yosuku

Ukuhlolisisa Izibhalo Imihla Ngemihla iyacana nencwadi yemithandazo efundwa yonke imihla. Ikunika ivesi yeBhayibhie emfutshane yolo suku kunya namagqabaza ngaloo vesi.

Iindlela Zokufunda IBhayibhile

Nokuba ufuna indlela yokufunda iBhayibhile qho ngosuku, ngonyaka, okanye usafuna ukuyiqala, olu cwangciso lungakunceda.

Ungazifumana Njani Izibhalo EBhayibhileni Yakho?

Iincwadi eziyi-66 zeBhayibhile ngendlela ezilandelelana ngayo, ezifumaneka phantse kuzo zonke iinguqulelo zayo. Igama lencwadi lindelwa linani lesahluko kuze kulandele elevesi.

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Fumana iimpendulo zemibuzo yeBhayibhile engoThixo, ngoYesu, ngentsapho, ngezinto ezibuhlungu nezinye izinto.

Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile

Phanda ngento ethethwa ziivesi zeBhayibhile namagama athile.

Ilayibrari (ivula kwenye i-window)

Phanda ngeBhayibhile usebenzisa iincwadi zamaNgqina kaYehova ezikwi-Intanethi.

Ncediswa Ngumntu Xa Ufunda IBhayibhile

Kuthetha Ukuthini Ukufundelwa IBhayibhile NgamaNgqina KaYehova?

Xa ufundelwa liNgqina likaYehova ungasebenzisa neyiphi na inguqulelo yeBhayibhile. Ungayimema yonke intsapho yakho kunye nabahlobo.

Cela Ukufundelwa IBhayibhile

Fumana izifundo zeBhayibhile simahla ngexesha nakwindawo ekulungeleyo.